Abasemagunyeni bathe gqolo bebongoza bonke abantu ukuba bathobele imiqathango ebekiweyo. Liphinde longezwa ixesha lokuzivalela emakhaya kwaye oku kubangelwa kukungakhathali nokuba neenkani kwabantu nanjengoko bethe gqolo besihla benyuka ezitalatweni.
Kumashishini akwindawo esihlala kuzo apha elokishini umqathango womgama oqingqiweyo phakathi kwabantu awulandelwa kwaye awuthathelwa ngqalelo. Kukho nabaqhubi bezithuthi zikawonkewonke abangawuthobeliyo umthetho wenani ekufanele likhwele, nto leyo ebeka ubomi babantu abaninzi esichengeni kwakunye nobabo ubomi nanjengoko kunzima ukugcina umgama oqingqiweyo xa abakhweli bexinene.
Le ntsholongwane yeCovid-19 ayidlali kwaye ifuna wonke umntu atsalele calanye kwaye akhusele impilo yakhe kwakunye nabo bamngqongileyo. Amaqela amakhulu nangooxholovane baseSoweto iKaizer Chiefs neOrlando Pirates zibinze ngempahla nezixhobo zokuzikhusela kwabo bazobe bejikeleza lonke eli behlola abantu.
Oku bakwenza bebambisene nejelo likamabona kude elihlawulelwayo iMultichoice, kwaye umphathiswa wezempilo kweli uZweli Mkhize wenze umbulelo egameni lesebe lakhe ngale nkxaso. Ukuhlala endlini ithuba elide kungabangela ukuba uzibhaqe unkqunkqa ubuyelela embizeni, nto leyo enobangela ukuba uzibhaqe sowutyeba. Nantsi imithambo elula ongazigcina ngayo ekhaya.
  • Hlala phantsi unabe tswi,dibanisa imilenze yakho uyinyuse kancinci, bala izihlandlo zibe hlanu.
  • Yishove imilenze ubengathi unyawuza iqegu oku ukwenza uzibalela izihlandlo ezihlanu.
  • Phinda uyinabise imilenze ithi tswi olahlobo buqale ngalo,vula umane uvala uzibalela izihlandlo ezihlanu ungakhange uphumle.
Masikhabe siyibamba apho okwa le iveki. Ungalibali ukuhlamba izandla zakho rhoqo imizuzwana engamashumi amabini. Uzame ungaziphathi ebusweni. Hlala ekhaya kwaye ugcine umgama oqingqiweyo. Khohlela okanye uthimlele kuwe engqinibeni yakho egotyiweyo. Ukuba akuziva mnandi khawuleza uye kwindawo yonyango ekufutshane nawe.

Comments are closed.