NguCHRIS TOTOBELA
Eli lixesha elinzima kuye wonke ubani kwaye uloyiko lubangela ukuba sizibhaqe sisenza izinto esingakhange sizicwangcise. Wonke ubani uzibhaqa evaleleke ekhaya nosapho lwakhe nanjengoko eyalele njalo umongameli weli esenza iinzame zokunqanda ukunwenwa kwalentsholongwane yeCovid-19.

Ukuvalwa kweendawo ezithengisa utywala necuba kungabangela umsindo kakhulu kwabo abaqhelileyo ukuzisebenzisa ezizinto nto leyo enokubangela ukuba bazibhaqe sele bekhuphela loo msindo kumanina nasebantwaneni babo.

Eli lelona xesha ekufuneka ootata bazibonakalise bakhusele iintsapho zabo nanjengoko beziintloko zekhaya. Ukuhlukumeza oomama nabantwana akwamkelekanga tu kwaphela. Nazi ezinye iindlela ezilula zokuzilolonga ngethuba usekhaya kwaye ongakwazi ukuzenza nosapho lwakho, kodwa ningalibali ukugcina umgama oqingqiweyo phakathi kwenu.

  • Ima ngenyawo unyuse iingalo uzolule zalathe phezulu uzisondeze kuwe ezindlebeni, iminwe mayidanyaze uyivula uyivala logama ubala izihlandlo ezilishumi.
  • Zihlise kengoku uzizise phambi kobuso bakho uzolule kwakhona iminwe isenza kwa okuya kufanayo uphinde uzibalele izihlandlo ezilishumi.
  • Phinda uzise iingalo emacaleni uzolule kwakhona emacaleni zibambe apho iminwe isenza njengesiqhelo logama uzibalela izihlandlo ezilishumi.

Nantsi enye into onokuyenza neqabane okanye umntana wakho:

  • Phosa ibhola phezulu aze yena lowo ozilolonga naye azame ukuyibamba ingeka bethi phantsi, naye makenze njengoko nawe busenza nawe uzame ukuyibamba ingeka bethi phantsi, kwaye oku nikwenza imizuzu emihlanu kuphela logama nigcine umgama oqingqiweyo.
  • Okokugqibela jikeleza iyadi le yakho imizuzu elishumi ukuya kumashumi amabini ungakhange uphumle kwaye uhamba ngokukhawuleza kodwa ungabaleki. Khumbula ukugcina umgama oqingqiweyo ukuba uyenza nomnye umntu le.

Masiyibambe apho okwaleveki sizokuphinda sibuye neminye imithambo elula yasekhaya kwiveki elandelayo. Sihlale sibambe konke esikuyalelweyo ngabo basemagunyeni.

Khumbula konke oku kwenzelwa ukukhusela impilo yethu naleyo yabo siphila nabo. Ukuhla kwezinga lokusasazeka kwale ntsholongwane kuxhomekeke kwindlela esiziphethe ngayo kwaye singayilwa le ntsholongwane xa sibambisene sithobela yonke imiqathango esiyinikiweyo.

Comments are closed.