Abafundi bedyunivesithi iRhodes nabebekwigumbi elinye lokufundela nomfundi othe wafunyanwa enesifo semulti-drug-resistant tuberculosis (iMDR-TB ngamafuphi), bathe bacetyiswa ukuba bayekuvavanywa ukubona ukuba abosulelekanga kwisini na sesi sifo.

Abafundi bedyunivesithi iRhodes nabebekwigumbi elinye lokufundela nomfundi othe wafunyanwa enesifo semulti-drug-resistant tuberculosis (iMDR-TB ngamafuphi), bathe bacetyiswa ukuba bayekuvavanywa ukubona ukuba abosulelekanga kwisini na sesi sifo.

I-ofisi echopela imicimbi yabafundi ithe yangqina ukuba “isebe lezempilo liqinisekisile ukuba kukhona ukuhamba kwesi sifo kule dyunivesithi” kwaye lomfundi uthe wathunyelwa ekhaya.

Abafundi kunye nabasebenzi abebekunxibelelwano rhoqo nalomfundi ungachawanga igama, ukumkhusela, bathe baziswa ngee-imeyile ngalombandela.

Isebe lezempilo laledyunivesithi lithe labekela bucala iyure, ukusuka ngentsimbi yesibhozo ukuya kweyethoba mihla yonke ukuba ubani aye kuvavanywa,” ihambise yatsho i-imeyile ibithunyelwe.

Ukanti abasebenzi belisebe balile ukudiza inani labantu asele beze ngaphambili ukuba bavavanywe.

Esi sifo sithi sidlulele komnye umntu ngokuthe lowo unaso akhohlelele okanye athimlele kuye kunye nangokubamba indawo efumileyo nalapho lentsholongwana ithe yafumana indawo sokuhlala kuyo.

Abantu abanamajoni omzimba abuthathaka, abantu abadala, abantwana kunye nabo sele benezinye izigulo nabo banentsholongwane kagawulayo ngabona basemngciphekweni wokwasuleleka msinya sesisifo.

Ukanti ngokweenkcukacha-manani ezikhutshwe ngumphathiswa wezempilo ugqirha Aaron Motsoaledi, uMzantsi Afrika lilizwe lesithathu ehlabathini jikelele apho lentsholongwana ithi inwenwe ngokukhawuleza kwaye zimalunga ne1 782 ingxelo zolwasuleleko yiMDR-TB ngo 2010 kweliphondo lweMpuma-Kapa nje kuphela.

Xeshikweni abafundi abaninzi benamajoni omzimba omeleleyo ukukhusela ukuhlaselwa yilentsholongwane, amathuba okwasuleleka wona asekhona ingakumbi xa ujonga ixesha elithi lithathwe yilentsholongwane phambi kokuba ibonakale.

Ukanti impawu umntu anokuthi aziqwalasele kukubila ebusuku, ukukhohlela iiveki zilandelelana, ukwehla ngokwasemzimbeni kunye nokudumba kwamadlala athile omzimba.

Comments are closed.