NguChris Totobela
iKing Lobengula Foundation idibene nebandla lamaKatolika lalapha eMakhanda banikezele ngesipho kuBishop Vincent Mduduzi Zungu okhokela kwisithili saseGqeberha.
Lo kaZungu ebezokuphehlelela ukuqala kwephulo lale nkonzo lokuchaza lo unyaka njengonyaka wokuzisa ithemba ebantwini kube kukhuthazwa uxolo nobumbano ngaxeshanye.
Umnumzana Mlindeli Mkhwane wakwaKhumalo kwisizwe sikaMzilikazi uye wanikezela ngesipho kuBishop Zungu egameni lebandla.
Esi sipho yincwadi esihloko sithi Two Horns nebhalwe ngumlawuli oyintloko weKing Lobengula Foundation uSizwe Mda. Le ncwadi idandalazisa kakuhle nangobuchule imbali yokulwa inkqubo yobukoloniyali apha eAfrika, ikwafundisa ikhuthaza ukuzingca kwendlu emnyama yaseAfrika ngobuntu bayo.
Esamkela le ncwadi, uBishop Zungu uthe uchulumancile kakhulu sesi sipho, kwaye ulwazi neemfundiso azakuzifumana kule ncwadi ziyakuba lulutho, hayi kuye kuphela, kodwa kwisizwe ngokubanzi.
Umbhali wale ncwadi uSizwe Mda ethetha neGrocott’s Mail, uthe inkulu indima ezakudlalwa yile ncwadi. “Ndiziva ndonwabile namhlanje xa kunikezelwa umsebenzi wosiba lwam kuBishop Zungu owenza umsebenzi omhle kakhulu kweli bandla, esenza ngokuzinikela. Le ncwadi izakuncedisa kakhulu, ngakumbi kulutsha, ukubuyisa ubuntu bethu. Namhlanje sinabantwana ababizwa ngokuba ngamaphara abenza izinto ezimbi ekuhlaleni ngenxa yokuphulukana nobuntu babo.”
Lo msitho wokunikezelwa kwesi sipho kuBishop Zungu bubanjwe kwiveki ephelileyo kwinkonzo yamaKatolika apha eMakhanda.


