NguChris Totobela
Abathandi nabalandeli bamanqindi balapha eMakhanda batsho ngolukablankethi uncumo emva kokuqhuba kakuhle kweembethi-manqindi zalapha kwitumente yamaphondo ebibanjelwe eKomani, nezizakumela iphondo iMpuma Koloni kwimidlalo yobuntshatsheli yoMzantsi Afrika eRustenburg kule nyanga izayo.
Kule mpelaveki sisuka kuyo iimbethi-manqindi zalapha ekhaya ziye zafulathela isixeko seengcwele zajongisa imibombo eKomani nalapho beziyokuvana amandla kwitumente yobuntshatsheli yalapha kweli phondo iMpuma Koloni.
Ziliqela iimbethi-manqindi zalapha ezibuye nembasa yegolide, ngokwenza njalo zazibekela indawo kwiqela elizakumela eli phondo kwitumente yobuntshatsheli yoMzantsi Afrika jikelele nalapho azakumelwa khona onke amaphondo.
ULinathi Biko, Simnikiwe Stamper, Sisonke Matshotyana, beMfuzo Boxing Club noQhamani Mkhunkqwana weThembalethu Boxing Club, kwakunye noEndinako Ndwayana noSangenathi Valela beMasibambane Boxing Club bazakumela eli phondo eRustenburg eMntlantshona ukususela ngomhla wesithandathu ukuya koweshumi elinesibini kule nyanga izayo, kwaye kulindeleke ukuba babuye nodumo.
Iqela laseBhatisi elisandula ukusungulwa, iMali Boxing Academy, lizakube limelwe nalo kule tumente nguSinothando “Pere” Maphaphu, uElam “Mntanezulu” Noyila kwakunye noSiyamthanda Mlisana nababuye neembasa zegolide kwitumente yobuntshatsheli yephondo emva kokulalisa ngophotho abo bebequbisana nabo.
Ngokutsho komphathi weli qela, lo ngumzila ongasayi kucimeka lula kwimbali yemidlalo eBhatisi. “Xa sikwazi ukuthumela iimbethi-manqindi ezintathu kwitumente yobuntshatsheli yelizwe, ithi lonto siyasebenza kakhulu apha kwaye le yimbali, hayi emanqindini kuphela, kodwa kwimidlalo jikelele
apha eBhatisi, kwaye sizakubuya nayo intshinga yesizwe.”
Sithi huntshu kubo bonke aba bazakumela eli phondo kule tumente.

