NguChris Totobela
Ibingumbo nomxesibe ngexesha amaqela amagqiyazana ale ngingqi yeSarah Baartman eyokungquzulana eBhatisi.
Ebephume ngobuninzi la maqela ezokuthatha inxaxheba kule tumente yokuvuselela ibhola yamagqiyazana nebiququzelelwa lisebe lezemidlalo, inkcubeko nobugcisa kule ngingqi yeSarah Baartman.
Iqela lalapha ekhaya eMakhanda, iAfrican Connection ayikwazanga ukudlulela kumdlalo wamagqibela kankqoyi.
Iqela eliziintshatsheli ezikhuselayo eliphuma eBhatisi, iBathurst City Tigers nebifumene eyona nkxaso kubantu baseBhatisi, liye laqubisana neAfrican Killers yaseMnyameni kumdlalo wobuntshatsheli nalapho babhungce ngenqaku elinye eqandeni bekhusela intshinga yabo babeyiphumelele kunyaka ophelileyo.
Le tumente ibe yimpumelelo kakhulu nanjengoko inani lamaqela amagqiyazana landile kulo nyaka xa kuthelekiswa nalo ophelileyo unyaka.
Umgangatho nawo ubuxhomile ngeyona ndlela, kwaye le tumente idlala indima enkulu ekuphuculeni isakhono sabadlali logama bezuza amava okudlala. Ntoleyo ezakubangela ukuba nale ingingqi yeSarah Baartman ikwazi ukukhuphisana namaqela ezinye iingingqi.
Bafanele ukothulelwa umnqwazi abaququzeleli bale tumente ngendima abayidlalayo ekuphuhliseni italente yamagqiyazana nanjengoko ibhola yamanina ingasiwa so ngabo basemagunyeni nakulawulo lwemibutho yebhola.


