NguChris Totobela 

Bekugos’ okwaphukayo ngethuba iimbethi-manqindi eziselula zivan’ amandla kwitumente ebisingathwe ngumbutho wamanqindi kwisithili iSarah Baartman kwimpelaveki egqithileyo.

Abalandeli nabathandi bamanqindi nabebephume ngobuninzi babo bebechulumance beyilo nto njengoko amakhwenkwana neentwazana ebezijaca ebonakalisa italente nobuchule eqongeni.

UAmahle Menese waseSomerset East ngomnye obethatha inxaxheba kwitumente yamanqindi eMakhanda nothe waphumelela. Umfanekiso: Chris Totobela

Le tumente ibisetyenziselwa ukuchonga abazakumela isithili kwitumente yamaphondo yobuntshatsheli.

Oomaspala abebequbisene kule tumente ebibanjelwe eJoza Indoor Sports Centre bebequka oosotheko iMakana kwakunye neNdlambe, iBluecrane, iSunday’s River neKouga.

 

 

USinovuyo Maphaphu ophuma kwiMali Boxing Academy nobemele iNdlambe. Umfanekiso: Chris Totobela

Ngokutsho kukasihlalo wombutho wamanqindi kwiSarah Baartman, uKhayalethu Richards, le tumente ihambe kakuhle ngaphandle kwamagingxigingxi.

ULubeko Kimpi waseKenton-On-Sea naye obemele umasipala waseNdlambe nothe walalisa ngophotho obequbisana naye. Umfanekiso: Chris Totobela

“Bonke abantwana bakhwele eskalini bawenza umlinganiselo wobunzima obulindelekile, kwaye nemidlalo iqhube kakuhle.”

Kweza lapha eMakhanda iimbethi-manqindi, kukhethwe amantombaza amathandathu kwakunye namakhwenkwe alishumi eline sithandathu.

Zizonke iimbethi manqindi ezikhethwe kule tumente zingamashumi amane anesixhenxe, nabazakuthi bathwale amathemba eSarah Baartman kwimidlalo yobuntshatsheli yephondo.

Comments are closed.