NguChris Totobela
Bekugos’ okwaphukayo ngeCawe ngethuba iJoza Stars ivan’ amandla neYoung Eagles kumdlalo wabaneminyaka engaphantsi kweshumi elinesibhozo.
Lo mdlalo uqale ngesona santya siphezulu kwaye kukhawuleze kwacaca ukuba kudibene ebezikade zizondana. IYoung Eagles, neyaziwa kakhulu ngokuphuhlisa isakhono sabadlali abaselula, yophise kuqala ngethuba abadlali bangasemva beJoza Stars beqhawukelwa lunxulumelwano nonozinti wabo, nto leyo ibbangele bohlwaywe yifolosi yeEagles, ibeka iqela layo phambili ngenqaku elinye eqandeni.
Oku kuye kwayothusa iJoza Stars, nethande ukubhinqa mbhinqo wumbi mvanje, yaze yaxoza mphini wumbi yafaka iEagles phantsi koxinzelelo.
IStars iye yavuzwa ngenqaku emva kokuba uAkhanani Mpangiso exhumile wabetha kakuhle ibhola ngentloko wayivalela esigcawini. Iye yankqunkqa ibuyelela ixela izulu laseMthatha kwiipali zeEagles iJoza Stars yaphinda yavuzwa ngethuba uTadi Wanashe Gede noKhazimla Gongqa besoleka kwinqaku labo, ngokwenza njalo bavula umsantsa phakathi kwabo neEagles ngamanqaku amathathu kwelinye.
Izamile ukubuya iEagles kodwa ixesha yabe ilutshaba nanjengoko iJoza Stars iphumelele ngamanqaku amathathu kwelinye kulo mdlalo obuvutha ngeyona ndlela.
Umqeqeshi weJoza Stars uchulumancile zezi ziphumo. “Ubunzima lo mdlalo kodwa ke nathi siye sanendelelo ukuqala kwawo. Siye sabuya sazimisela emva kokuba kungene inqaku kuthi ngenxa yempazamo eyenziwe ludonga lwethu lwangasemva.
“Umgangatho wona uxhomile kwesi sigaba kwaye onke amaqela azimisele. Isicelo endinaso kubaphathi kukulungisa nje lo mcimbi woosompempe ukwenzela ukuba singaboni abadlali esikhuphisana nabo bephinda bephatha imidlalo, nto leyo enobangela ingxwaba-ngxwaba ekuhambeni kwethuba, ingakumbi xa sifikelela kuvuthondaba. Okwangoku sisathe ngcu kwindawo yesine kuma nqwanqwa olu khuphiswano kodwa ke sizakuzama sinyukele ngentla.”
Lo bingu mdlalo omhle kakhulu noye wonwatyelwa ngababukeli bebhola, kwaye ikamva lalamaqela omabini likhangeleka liqaqambile.

