NguChris Totobela

Iqela lebhola ekhatywayo loompondo zihlanjiwe noomakadenetha laseJoza, iXI Attackers, liwelwe ngumqa esandleni ngokuthi liphiwe impahla yokudlala lishishini laseMakhanda.

Eli qela, nelilelinye lamaqela amadala apha eMakhanda, nanjengoko lasekwa ngomnyaka ka1975, liye lazibalula ngakumbi kule minyaka mihlanu igqithileyo, lizama ukubuyisa isidima salo nanjengoko lalifudula lisaziwa njengodlezinye ongenalusini.

Eli liqela liye lafudunyezwa iintliziyo ngeli xesha lobusika, ngethuba lisithiwa jize ngempahla yokudlala yivenkile ethengisa nehombisa impahla iXtreme, nephantsi kolawulo lukaJoos Vos.

Le mana ihla ngethuba eli qela limaxhaphetshu lizama ukulungiselela ukuvulwa kwemidlalo yabo. Lo kaVos uthe le yindlela abulela ngayo uSimamkele Mzalazala nongumsebenzi wakhe, nokwangumdlali weAttackers.

UMzalazala usebenza ngokuzinikela kwaye uyawuthanda umsebenzi wakhe. Lo kaMzalazala ibhola ibaleka kuye emithanjeni nanjengoko ezalwa ngabazali ababefudula bedlala ibhola, kwaye kuhle kakhulu ukubona iqela lakhe lizuza ngenxa yemisebenzi yakhe.

Igosa ebelimele iAttackers, uLukhanyo Ngcungce, ubulele watyibela kwabo bakwa Xtreme, ingakumbi kuMzalazala nothe wazijaca emsebenzini wakhe ukuze kuzuze iqela lakhe.

Comments are closed.