By Chris Totobela 

Isikolo samabanga aphezulu nesaziwa ngesakhono saso ezifundweni, iKhutliso Daniels, izenzela igama nakuyo imidlalo eyahlukeneyo.

IKhutliso yaziwa, kwaye izibalule kwezebhola yomnyazi. Kodwa mva nje, esi sikolo sizenzele igama ngokuthi abafundi baso abangamantombazana aselula adlala ibhola ekhatywayo atyunjwe kwiqela labo bangaphantsi kweminyaka elishumi elinesihlanu nelizakumela ingingqi iSarah Baartman.

Eli qela lizakujongisa imibombo eMonti kungekudala nalapho lizakuqubisana namanye amaqela aphuma kwezinye iingingqi zephondo leMpuma Koloni.

UKungawo Maxalisa noAsenathi Mgoduka batyunjiwe ukuya kumela iSarah Baartman kwimidlalo yebhola ekhatywayo yabangaphantsi kweminyaka elishumi elinesihlanu ezakuthelekisa iingingqi zeMpuma Koloni. Umfanekiso: Chris Totobela

UKungawo Maxalisa noAsenathi Mgoduka abenza ibanga lesithandathu bachulumancile emva kokufumana ezi ndaba, kwaye bathembisile ukuba bazakuzama ngako konke okusemandleni abo ukumela le ngingqi yeSarah Baartman kakuhle.

Umqeqeshi wabo uMandilakhe Klaas uthethe wenjenje: “Siyavuya kakhulu sisisikolo ngale mbali yenziwe ngala mantombazana, yaye sibanqwenelela okuhle kodwa.”

UKlaas uye waqhubekeka wabongoza izikolo zonke zaseMakhanda ukuba ziqulunqe amaqela amantombazana ebhola ekhatywayo nanjengoko abantwana bephoswa ngamathuba akumila kunje ngenxa yokungabikho kwamaqela abanokuthi badlale kuwo ezikolweni.

Comments are closed.