NguChris Totobela

Iqela lebhola ekhatywayo lesikolo iTEM Mrwetyana lenze imbali kulo nyaka ngokuphumelela indebe yobuntshatsheli kukhuphiswano lwezikolo zalapha eMakhanda, bengakhange baphulukane nawo nomnye umdlalo.

Batywatyushe kwanto nje bebedibana nayo apha endleleni yabo. Indlela yeli qela eya empumelelweni yenziwe lula yindlela abadlali balo bebezimisele ngayo, kwaye amaqela ebekhangeleka engalithibaza eli qela kwimizamo yalo, iNombulelo neKutliso Daniels, aye ayekelela umxakatho kwaye aye enza impazamo enkulu ebangele ukuba afe namthanyana.

INombulelo ibonakele idlalela ukonwabisa ababukeli endaweni yokuphumelela, logama yona iKutliso iye yangenwa ngumkhwa wokudelela amaqela ebidlala nawo, ntoleyo ebangele ukuba iTEM Mrwetyana ithi ngcu encochoyini kude kube sekugqibeleni.

Abadlali beqela lesikolo iTEM Mrwetyana bexhel’ exhukwane. Umfanekiso: Chris Totobela

Abadlali beMrwetyana badlala ngokuzithemba kakhulu kwaye nabo bathembene. Into yokungabi naye umdlali ofuna ukugqama yedwa ebaleni nayo ibasebenzele kakhulu.

Kwimidlalo yokuvala olukhuphiswano kule veki iphelileyo, iintshatsheli iTEM Mrwetyana ibambene ngenqaku elinye macala neNathaniel Nyaluza eqale kakubi mpela kolu khuphiswano, logama yona iKutliso ibethe iNombulelo ngenqaku elinye eqandeni, yaze yona iNtsika yabetha iMary Waters evuke mva emaqandeni ngenqaku elinye eqandeni.

Abafundi bezi zikolo bebephume nkalo zonke bethontelana ukuzokuxhasa amaqela abo, kwaye abaququzeleli bafanele ukothulelwa umnqwazi ngenkqubo yemidlalo yezikolo ebintle kangaka.

Comments are closed.