NguChris Totobela

Imozulu ebikhithika inenkwankca eye yakhatshwa nayintshizane ebinomoya osika kabuhlungu ibangele ukuba kubenzima kumaqela ebedlala ngempelaveki edlulileyo. NgoMgqibelo iCameroon ebuye kakubi mvanje ibethe iBlack Stars ngamanqaku amane eqandeni, logama yona iJoza Stars ekhokelayo kumanqwanqwa esigaba sokuqala seMakana LFA ibhaxabule iVukani Anchors ngamanqaku amathandathu kwelinye, yaze yona iRiebeek East Academy yabetha iEagles ngamanqaku amahlanu kwelinye. IMayfield ibethe iJacaranda Academy ngamathathu kwelinye logama iRising Stars ihluthe intlaka emlonyeni weTantyi Eleven ngamanqaku amahlanu kwamane. NgeCawe, iJacaranda Academy ibuyise isidima sayo yagalela ityuwa kwinxeba leTantyi Eleven ngenqaku elinye eqandeni yaze iBlack Stars yazixhwithela kwiVukani Anchors esabhidwe yinja uvuthwa, ngamanqaku amahlanu eqandeni, yaze yona iRising Stars yongeza kumaduma eEagles ngamanqaku amahlanu kwelinye. ICameroon irhabulise iSantos kula khalakhulu wayo ngamanqaku amathandathu kwamabini logama iJoza Stars ibambene ngenqaku elinye macala neRiebeek East Academy kumdlalo obuvutha ngeyona ndlela, nangona imvula ibabukelise kakubi abathandi bebhola lomdlalo. Kukhangeleka ngathi iyakuba ngummangaliso wodwa oyakunqanda iJoza Stars ukuba ingayithathi le ndebe nanjengoko ikhokela ngamanqaku aliqela, ivule umsantsa omkhulu phakathi kwayo namanye amaqela ajonge le ndebe ngamehlo abomvu.

Comments are closed.