Thursday, September 19

NguChris Totobela

Iphinde yaqhuba kwakhona imidlalo yeMakana LFA yesigaba sokuqala emva kokunqumama kule mpelaveki iphelileyo.

NgoMgqibelo iMayfield ibhaxabule iCameroon ngamanqaku amahlanu kwamathathu, logama yona iRising Stars iphinde yazibonakalisa ubunganga bayo ngethuba itywatyusha iSantos ngamanqaku amathandathu kwamathathu yaze yona iJacaranda Academy yabambana ngenqaku elinye macala neJoza Stars.

IBlack Stars neTantyi XI zibambene ngamanqaku amabini macala, logama nayo iVukani Anchors neRiebeek East zibambene ngeqanda macala. NgeCawe, iSantos ibethe iLeicester City ngamanqaku amane kwamathathu logama yona iJoza Stars ibethe iEagles ngamanqaku amabini eqandeni, yaze yona iJacaranda Academy yazitywatyushela iTantyi XI ngamane kwelinye.

Abanye babalandeli abadele ingqele bayokubukela ibhola kwibala iJD Dlepu kwimpelaveki ephelileyo. Umfanekiso: Chris Totobela

Kumdlalo wokuvala impelaveki nobuvutha amadangatye, iBlack Stars ibuye sele isilela ngemva yabetha iMayfield ngamanqaku amabini kwelinye. Lo mdlalo obumisa abalandeli ngeenyawo ukhe wema ithutyana emva kokuba usompempe nomncedisi wakhe bevume inqaku lokulinganisa leBlack Stars nangona ibhola ibethe epalini yabulela ngaphakathi ebaleni phambi kokuba ingqubeke kumdlali weMayfield iphumele ngaphandle njengokona weBlack Stars. Le nto ibangele umsindo kwiqela leMayfield, yaze yakhokelela ekubeni omnye wabadlali beli qela, nobedlala kakuhle kakhulu esazulwini sebala, afumane ikhadi elibomvu emva kokuba ephuthaphuthe umncedisi kasompempe ovume eli nqaku.

Iqela leMayfield liphinde latyhola usompempe ngokombatha ngangubo inye neBlack Stars emva kokuba beye bakhalazela abadlali ababini beBlack Stars, bebatyhola ngokudlala betye umdiliya omfaxangiweyo, bacela usompempe ukuba awahlole lamadoda, kodwa wala.

IBlack Stars yona kwelayo icala ithe luxanduva lukasompempe nabancedisi bakhe ukuqinisekisa ukuba bonke abadlali abasebaleni bakwimeko elungileyo, kwaye bafanele ukudlala.

Comments are closed.