NguChris Totobela 

Iqhubile imidlalo yeMakana LFA yesigaba esingezantsi kule mpelaveki sisuka kuyo. Nangona ingaqhubanga yonke imidlalo nanjengoko bekulindelekile, kodwa ikhona eye yaqhubekeka. NgoMgqibelo iJacaranda Academy ibhungce ngamanqaku amathathu kwamabini ngethuba iqubisene neBlack Stars. Komnye umdlalo, iRising Stars ibhaxabule ngokungenalusini iCameroon ngamanqaku amahlanu eqandeni. NgeCawe iVukani Anchors ibethe iMayfield ngamanqaku amathathu kwamabini logama iSantos neYoung Eagles zidlale ntanganye ngamanqaku amabini macala kumdlalo obushushu ngeyona ndlela, nobubonakala ngathi ungawela nakweliphina icala. IJoza Stars yona ifumene onke amanqaku ngethuba iLeicester City ingakhange iwubeke umcondo wayo ebaleni. Kusesenyeleni, kodwa kubalulekile ukuba amaqela akhawuleze aqokelele amanqaku kuselithuba nanjengoko kuye kubenzima pha phambili, ingakumbi xa sele isongana ibhobhile.

Abanye babalandeli bebhola bebukele umdlalo wamanqam wetumente yeJune 16. Umfanekiso: Chris Totobela

Comments are closed.