Saturday, September 28

NguChris Totobela

Iqhubile kwakhona imidlalo yamakhwenkwana aneminyaka engaphantsi kweshumi elinesihlanu yeMakana LFA kule mpelaveki sisuka kuyo. Omnye wemidlalo ebivutha bhe nobuphakathi kweJoza Callies neBlack Stars kuye kwanyanzeleka ukuba upheliswe phambi kwexesha emva kokuxhimfana kwabadlali balamaqela omabini.

Isiqingatha sokuqala siqhube kakuhle omabini lamaqela ezimisele efunza edabini, emaxhaphetshu enqanda amanzi engena endlwini, kwaye nabalandeli bebhola bebewonwabele kakhulu lo mdlalo.

IBlack stars iye yophisa kuqala ngenqaku elihle elakhiwe kakuhle ukusuka esazulwini sebala, kwaye ide yaya ekhefini isakhokela ngeli nqaku linye eqandeni. Kwisiqingatha sesibini iJoza Callies iye yabuya ngamandla yacinezela mpela ifuna inqaku lokulinganisa kodwa udonga lwangasemva lweBlack Stars beli luqilima.

Ngomzuzu nje wamashumi amane anesibhozo, umdlali weJoza Callies obethande ukuba lizinyo eliqaqambayo kwiBlack Stars uye wahluthwa ibhola rhabaxana, kodwa ke usompempe yena akabonanga nto ingalunganga ngendlela ahluthwe ngayo lo bhola, ntoleyo ekhokelele ukuba avule ukuba uqhube umdlalo. Kuye kwaqhuma inqindi emva kokuba lamakhwenkwana etshintshiselene ngamazwi, kwaye abadlali bobabini baye bakhutshelwa ngaphandle ngekhadi elibomvu.

Uye waqhuba umdlalo kwakhona, kodwa awuqhubanga thuba lide phambi kokuba umdlali weJoza Callies ahluthwe ibhola ngokungekho mthethweni ngasemva. Nangona eye wohlwaywa umdlali weBlack Stars yaze ibhola yanikwa iJoza Callies, uye woyisakala lo mdlali weCallies waqonda nqo kulowo ebekhatywe nguye.

Kuye kwavela ngasemva esiza ebaleka omnye umdlali weBlack Stars nalapho afike wahlaba impama kulo mdlali weJoza Callies. Emva koko bonke abadlali baye bangenelela kulo mbhodamo lahamba inqindi, kodwa ke kuye kwangenelela nababukeli bancedisa ukunqanda.

Usompempe uye wawuchitha lo mdlalo emva kokuphawula ukuba awulawuleki, nasemva kokuba eye wacetyiswa ngunobhala jikelele weMakana LFA, uAkhona Heshu.

Umqeqeshi weBlack Stars uye wadlulisa amazwi arhabaxa kulo kaHeshu noye washiywa ngumsindo wafuna esiqwini kulo mqeqeshi. Ezi ziziphumo zengxubakaxaka ekudala igquba kule midlalo yaba baselula nalapho abaqeqeshi nabalawuli balamakhwenkwana kudala besenza isimbonono ngokungakhathalelwa ncakasana kwale midlalo. Batyhola ngelithi akukho nkathalo kwaye kuyekwa amakhwenkwana amancinane alawule le midlalo, kwaye ukudlaliswa kwamakhwenkwe amadala kusaqhubeka kube kungekhonto yenziwayo ngalo nto.

UHeshu uye waphawula emva kwesi sehlo. “Kudala sizama ukuba oosompempe beze bazokuncedisa kule midlalo yaba baselula, kodwa abezi. Okwesibini kwelinye icala sizama ukukhulisa oosompempe abaselula abanomdla ekuvutheleni impempe, khumbula ukuba nabo ooLuvuyo Ntlanjeni nowaziwa njengoBhiyemba baqala bebancinci kakhulu ukuvuthela impempe.”

Lo kaHeshu uye waphawula nangombhodamo owenzeke ebaleni. “Okokuqala abaphathi balamaqela mancinci kufuneka bagade abantwana xa bedlala nanjengoko kuphawuleke ukuba amaqela abangela ingxaki ebaleni iba ngala ahamba wodwa xa eyokudlala, kungekho mntu omkhulu. Omabini lamaqela iBlack Stars neJoza Callies azakukhwetywa khe asondele kwikomiti yezoluleko apho bazakufumana ithuba lokudandalazisa elubala oko kwenzekileyo ebaleni. Kumcimbi wokudlaliswa kwamakhwenkwe amadala, uxanduva lolwabaqeqeshi ekufuneka benyanisekile benze oko kufanelekileyo ngalo lonke ixesha.” Abathandi nabalandeli bebhola bakhe umkhanya bejonga ukuba izakusonjululwa njani le nyewe.

Comments are closed.