Bekuxhelw’ exhukwane kubathandi nabalandeli bebhola ekhatywayo yabafana abaselula kule mpelaveki sisuka kuyo.

Sele inethuba elingaphezulu nje kweeveki ezimbini iqalile imidlalo yamakhwenkwana aneminyaka engaphantsi kweshumi elinesithathu kwakunye nalawo angaphantsi kweminyaka elishumi elinesihlanu. Nangona kuye kugqube ubuqhetseba kule midlalo yokudlaliswa kwamakhwenkwana sele ethande ukubangqathuvana kancinci nangafanelanga ukuba kanti ayadlala kwesi sigaba, kodwa ke akukavakali ziganeko zokufakwa kwamakhwenkwana amadala.

Ebengabonwabisanga abadlali be Joza Callies umdlali were Sophia Stars uAsonge Cacela. Umfanekiso: Chris Totobela

Iqhube kakuhle kakhulu imidlalo kule mpelaveki sisuka kuyo. Komnye umdlalo obubanjelwe kumabala ase JD Dlepu ngoMgqibelo, iSophia Stars ibhaxabule iJoza Callies ngamanqaku amahlanu kwelinye. Lo mdlalo ubuthande ukukekelela calanye nanjengoko iSophia binkqunkqa ibuyelela kwiimpondo zeJoza Callies ixele izulu laseMthatha.

Into enkomeke ngayo iJoza callies kukungayekeleli umxakatho nangona bebephantsi koxinzelelo olumandla. Kweminye imidlalo yamakhwenkwana aneminyaka engaphantsi kweshumi elinesithathu, iBlack Stars ibethe iJoza Callies ngamanqaku amabini eqandeni, logama yona iJacaranda Aces itsalele iSakhulutsha engafikanga ngethuba ebaleni. Amanye alamaqela ebedlala imidlalo emibini ngosuku nanjengoko kuphawuleke ukuba asemva kakhulu kwimidlalo yawo. Emva kokubhaxabula iEluxolweni ngamanqaku alishumi eqandeni, iRising Stars iye yarhatyuliswa kwiyeza layo ngethuba ibethwa yiSophia Stars ngamanqaku amathathu kwelinye.

Kweminye imidlalo yabo baneminyaka elishumi elinesihlanu iSophia Stars ibethe iBlack Stars ngamanqaku asixhenxe eqandeni. IRising Stars iwaqokelele onke amanqaku kwesi isigaba ngethuba ibetha iAttackers ngamanqaku asixhenxe eqandeni, yaphinda yabuya yabetha iMakana Tigers ngamabini kwelinye.

Abalandeli nabathandi bebhola badele inkwankca bazokuxhasa abantwana kwimidlalo yabo kwibala iJD Dlepu ngoMgqibelo. Umfanekiso: Chris Totobela

Abathandi bebhola ekhatywayo badele inkwankca ebisika kabuhlungu beza bazokuxhasa lamakhwenkwana aselula kwaye bagoduke bexolile nanjengoko lamakhwenkwana ebezijaca ebonakalisa isakhono sawo.

Comments are closed.