NguChris Totobela

Abalandeli nabathandi bebhola ekhatywayo baseMakhanda bashiyeke bebambe ongezantsi emva kwemidlalo yeMakana LFA ngosuku lwabasebenzi, umhla wokuqala kuMay.

Amaqela amabini ajijisana ngendawo yokuqala kwicandelo B loompondo zihlanjiwe ebedlala imidlalo yawo yokugqibela. Omabini lamaqela eze kule midlalo yawo yokugqibela ebambene ngamanqaku angamashumi amabini anesithoba emva kokuba bedlale imidlalo elineshumi elinesithathu. ISophia Stars biqubisene ne Juventus logama iRhodes University yona ibivana amandla neLalibela Lions.

ISophia Stars ize kulo mdlalo ikhokela ngamanqaku ewafakileyo emnatheni amathathu, ntoleyo ebangele ukuba omabini lamaqela axhomekeke kule midlalo yawo yokugqibela ukuze ayazi ukuba leliphi elizakujongana nqo ne XI Attackers kumdlalo wobuntshatsheli.

Le midlalo yokugqibela yalamaqela kuye kwanyenzeleka ukuba imiswe lingekapheli ixesha emva kokuba kuphawuleke ukuba amanqaku ayathululeka macala omabini kwaye amanye enziwa ngendlela engaqondakaliyo.

Ngethuba imiswa lemidlalo bekusele kufakwe inqwaba yamanqaku nanjengoko enye kutyholwa ngokuba bikhokela ngamanqaku alishumi elinesihlanu eqandeni logama kwelinye icala bekukhokelwa ngamanqaku alishumi elinesibini eqandeni.

Umqeqeshi we Rhodes University uThembelani “Bravo” Mzalazala uthethe wenjenje: “Kudala ndabalumkisa abo basemagunyeni ngalo mcimbi kodwa zange bawuse so. Le into eqhubekayo ibonakalisa ngokuphandle ukungabikho kwesikhokelo esiqinileyo kwibhola yethu, kwaye sijongile ukuba izolungiswa njani le nyewe.”

Ongu mqondisi wezemidlalo kwiSophia Stars uThulani Msipha uthe: “Bicacile kwamhlamnene ukuba le into izakwenzeka kodwa ke khange kunakwe nto, yilonto sikule meko namhlanje.”

Unobhala jikelele weMakana LFA uAkhona Heshu usingqinile esi siganeko. “Onke lamaqela abandakanyekayo kule nyewe sizakuwabizela kwikomiti yoluleko nalapho azakufumana ithuba lokudandalazisa oko kwenzekileyo.

Sizakusenza isibhengezo esichanekileyo ngesigqibo okanye amanyathelo esizakuwathatha emva kokuba sivile inkcazelo epheleleyo yokwenzekileyo.”

Abalandeli bebhola ekhatywayo basothukile sesisiganeko kwaye kulindeleke ukuba isonjululwe le ngxubakaxaka kungekudala nanjengoko ingabeka ichaphaza elibi kwibhola yalapha ekhaya.

Comments are closed.