NguChris Totobela

Amanye amaqela akhawuleze ahlangana adlala ngokufanelekileyo ezuza iziphumo ezincumisayo kwimidlalo yawo.

Athande ukwenyuka umnqantsa amanye amaqela nanjengoko kunzima ukuqokelela amanqaku adingekayo kwimidlalo yawo. Kukho nalawo angekabhalisi nto tu ezincwadini nanjengoko kusenzinyana ukuzuza amanqaku kuzo.

Emva kwemidlalo eliqela esele idlaliwe, bekumele onke amaqela sele ebona apho aya khona, kodwa ke kusekho lawo ingekacaci ngokupheleleyo indlela yawo. Kule mpelaveki esisuka kuyo ngoMgqibelo, iAfrican Spears ibhaxabule kabuhlungu iHellenic ngamanqaku amahlanu kwamabini (5-2) logama yona iLove and Peace ibethe iJuventus, ethande ukuba yingqongqo mva nje, ngamanqaku amane kwelinye (4-1).

ISophia Stars ibambene neRhodes ngenqaku elinye macala (1-1) kumdlalo obuvutha ngeyona ndlela yaze yona iJoza Callies ekhokelayo kwicandelo layo, yabambana ngamanqaku amane macala (4-4) ne Makana Tigers logama yona iLalibela Lions ibethe iGolden Brothers ngamabini eqandeni (2-0).

NgeCawe iAfrican Spears ibethwe yiMaru Academy ngamanqaku amahlanu kwamathathu (5-3) logama iGolden Eagles neYoung Stars zibambene ngamanqaku amane macala (4-4), yaze yona iMakana Tigers, ethe chu kakuhle mvanje, yabetha iRhodes ngamanqaku amabini kwelinye (2-1).

Kule mpelaveki siya kuyo kuzakudlalwa imidlalo yokugqibela kulo nyaka phambi kokuba aye ekhefini lamaqela, kwaye azobuyela enkomeni ngomhla weshumi elinesibhozo (18th) kuJanuary wonyaka ozayo.

Eli lithuba lokuba lamaqela azikhothe amanxeba, angcibe apho kwaphuke khona.

Comments are closed.