NguSandile Dudu Saki

NgoMvulo umhla wama-25 kweyoMsintsi nebilusuku oluyiholide kawonke-wonke, i-‘Museum’ yoLuncwadi yeli loMzantsi Afrika ezinze kweli lakwaMakhanda, eyaziwa njenge- Amazwi isindleke umnyadala wokubhiyozela okungamafa namagugu iHeritage Day ngolwasemzini. IbinguMbo nomXesibe abantu bebuka okuqulethwe ziitafile ebezimbejembeje zihonjiswe ngooni-nooni abaveliswa luluntu olunezakhono ezahlukahlukeneyo. Bezikho nezibiliboco umntu ebenokuzitika kuzo ezinje ngamaqebengwana etshokolethi, iikeki kunye neebhiskithi. Okona kubaluleke nangakumbi kukwazi ukuba ibingelo tyeli lokuqala bewusingatha lo mnyadala koko ibikokwesihlanu ngokokutsho kuka-Crystal Warren, okwangumsebenzi e-Amazwi.

UWarren uye waphawula ngelithi, “Eyona nto iphume phambili kum kukubhiyozelwa kokubhalwa, ukuveliswa nokuthengiswa koLuncwadi kulo mnyhadala. Uhambise ngelithi belufudula lungekho uLuncwadi, kungekho kwaqonga lokubonisa ngalo kumaxa adlulileyo. Kokokuqala ukuba kubekho icandelo lokuthengiswa kwalo.” Phakathi kwabantu abebewuzimasile lo msitho ngenjongo yokubonisa nokudlisela ngobugcisa kwizinto zesiNtu ibinguNosakhele Madinda, umaRhadebe noyiNkosikazi yooNdebe.

IGrocott’s Mail, ibe nodliwano-ndlebe naye ngalo msitho. IGrocott’s Mail ibuze ukuba sisihlandlo sesingaphi esizimasa lo msitho uphendule ngokuthi, “Kokokuqala ngqa ndiwuzimasa lo msitho, nakhona sincedwe yile ntombi esecaleni kwam, engu – Andiswa Stofile, ndinaye phaya kuWadi, unguWomen in Agriculture and Rural Development, othe wasithumelela imeyile ebonakalisa lo msitho. Sathi nathi makhe sizokubonakalisa ubuchule nobuchwepheshe bethu kwizinto zesiNtu.” Uqube ngokuthi, “Eyona not indenze ndanochulumanco kukubona uLuncwadi, ithi loo nto imbali yethu izakuqhubeka. Nathi sizokwenza umlando apha, wokuba nathi singabantu. Sinezinto zethu zakwaNtu esizenzayo ezibonakalisa ukuzingca ngolusuku lwethu.”

uMangaliso Buzani kumsitho obubanjelwe e-Amazwi. Umfanekiso nguDudu Saki

Eyona nto ethimbe iingqondo zabantu abaninzi kulo msitho kukubona izinto-yinto ezinjengebhokisi zokugcina ii-peni, ezenziwe ngeediski ezindala. Iincwadi ezogqunywe ngeengqweqwe zejini ezindala. Umnikazi wetafile le ebithengisa ezi zinto ezenziwe ngezinto ebeziye zalahwa undiphendule etsho ngolukablankethe ndamkhumbuza ukuba sisihlandlo sesingaphi esi ewuzimasa lo msitho: “Igama lam ndingu Triss Tracey, nanjengoko ndizithengisa njalo. Ndahlala ndithengisa izinto ezenziwe ngokulahliweyo kwiimarike ezikumila kunje susela kwiminyaka edlulileyo. Wona umsitho lo susela oko wathi wabakho inokuba ndiwuphose kwakanye kuphela. Uneminyaka ephantse ibe mine uqhuba, njengokuba besenditshilo ndiwuphose kwakanye.”

Kwakulo msithi bekukho nomdlalo wechess, nawo uyinxalenye yokubhiyozelwa kwamafa namagugu. Umsunguli weziko lemfundo eliqeqesha uluntu kulo mdlalo uJerry Sewelo uthethelwe ngumncedisi wakhe onguNolwakhe Sewelo. “Lo mdalo wechess wenza abantu bafikeleleke kwaye awuboni bala lamntu, awucaluli kodwa ubona iKumnkani ekufuneka ikhuselwe. Ngolo hlobo, iyawufezekisa umoya wobuNtu,” utshilo uSewelo.

Uqhubeke wathi, “Lo mdlalo awunaminyaka yobudala ngaphandle kwaxa kuye kwakhankanywa. Namhlanje, umzekelo sibona abantwana bekwazi ukudlala nabo bakwizinga lolutsha kanti nabadala, yinto enqabileyo kakhulu kwezinye iintlobo zemidlalo. Yinto efika indikhumbuze mandulo, xa sasihlala sirhangqe iziko sonwabele amabali awayebaliswa ngaloo maxesha.”

Intengiso yeencwadi kulo msitho. Umfanekiso nguDudu Saki

Ngenxa yokuhlokonyezelwa komnyhadala woLuncwadi abawubiza njengeBook Fair, iGrocott’s Mail, iyokuvalelisa ngokutyebisa amehlo kokuqulethwe ngulo msitho. IGrocott’s Mail ithethe no-Mangaliso Buzani okwangumbali, imbongi kunye nomhlohli kwiSebe Lweelwimi kunye noLuncwadi kule yunivesithi yaseRhodes. Naye uye walek’ umsundulo ngokubonisa uchulumanco analo ngokubona kusindlekwa uLuncwadi kwesi sithebe. “Ngenxa yento yokuba iqala ukubakho apha e-Amazwi i-Book Fair, ndizakuthi kokokuqala kodwa bendimana ukuza ndityebise amehlo. Ndiyabulela ke, kweye luvuyo kum ukufika kukho iincwadi ngoku. Uyabona ke kuba ndinikwe inyhweba yokwabelana ngetafile nabapapashi beDeep South, ndiphethe iincwadi ze-Imbizo Arts, ezifana no-Ndiyoyika ngokubhalwa nguMxolisi Nyezwa, Ndide ndayophula ngokubhalwa nguChuma Sogiba, Livela Lincumile obhalwe ngongasekhoyo uMzwandile Matiwane kanti neKotaz ikwakho nayo.”

IGrocott’s Mail iwusonge ngolo hlobo ke lo msitho, kuyimigcoo ebhalwe kwiimbuso zabo bebewuzimasile, kugcadwa, kusosiwa kukwamlebese.

Comments are closed.