NguMalikhanye Makhayi

IDyunivesithi iRhodes izityande igila ngokunika imbeko kwingqala ngokubhala ulwimi lwesiXhosa nobene ngalelo elikhulu ekuphakamiseni ulwimi lweenkobe ehlabathini ngoku banzi uS.E.K Mqhayi. Ngelixa kubhiyozelwa iminyaka engama-200 isiXhosa sibhaliwe.

Owayekuphela konyana kusapho lwakhe, uMqhayi, wayezinikele kwiminhalo yakhe kwaye esebenza nzima.

Umbhalo wokuqala oye waduma kwisizwe esintsundu, ngumbhalo weqonga, onesihloko Ityala Lamawele. Njengo mbhali owaye balasele esiXhoseni ukhunjulwe nange mibongo athe wayibhalela isizwe kwakunye nangendlela benomndla omkhulu ngayo kwinkcubeko nesiNtu.

Ingcamango yosuku kaS.E.K Mqhayi, isuka kwiprojekthi yabafundi besiKolo seeLwimi noNcwadi kwiYunivesiti iRhodes apho bajonge imisebenzi kaMqhayi. Abafundi njalo, benza uphando ngemvelaphi yakhe, imisebenzi yakhe kunye nababhali wayesebenza nabo.

Oyena qantsoqa kanobangela walo msitho kukundlala ngembewu yatyalwa ngooMqhayi nabanye ababhali bolwimi lwesiXhosa. Nto leyo ikhuliswe lulutsha kwaye nokudala intsebenziswano yokwazisa ngemisebenzi kaMqhayi, zonke iDyunivesithi zase Mphuma Koloni: Nelson Mandela University, University of Fort Hare, Rhodes University nakunye neWalter Sisulu University zibambisene ekwaziseni ngoMqhayi nababhali besiXhosa mvanje kungenelele neDyunivesithi yaseJohannesburg namanye amaSebe.

UZixolisile Ngxaso, uNobhala weS.E.K Mqhayi foundation uthe, “Namhlanje siphendula umbuzo othi ingaba usapho lwakwa Mqhayi lukhona olusaphilayo? Sizokuzazisa namhlanje kule ngiginya kuba sisekhona sisaphila. Kukho abantu abahamba bezenzela imali ngegama likaS.E.K Mqhayi kodwa ke asigxeki size ngomoya wothando sithini ikhona foundation eyinqwelo. Izani sakhe S.E.K Mqhayi foundation singaboni kuhlutha abanye abantu usapho luka Mqhayi lilambatha”.

Inkosana Zondile Burns Ncamashe, usekela mphathiswa kuRhulumente Bentsebenziswano Nemibandela Yenkcubeko Yesintu, iphose amazwi ithetha ngokubaluleka kwale mini. “Le mini ibalulekile kakhulu kwimbali yesiXhosa kuba apha sithetha ngengqangula yengqondi ethe yanegalelo nje ngomnye wavula indlela bengqongqotho ekuthetheni isiXhosa ndicinga okokuba umongo nentswane yeento azibhalileyo zikumgangatho wehlabathi. Kumele amaziko emfundo ephakamileyo angxalathelane amnike iwonga eliphezulu. Nangona engasekho ehlabeni kodwa imisebenzi yakhe isathetha,” utshilo uNkosana Ncamashe.

Inene aphoswe kwinkalo ngenkalo avakala lamazwi nakwabo bebezimase lomsitho besiva okokuba kumele bazindle ngolwimi lwesiXhosa kwaye umzila owenziweyo ngutata uMqhayi kungabi nakuphela, kwaye kuhlatywa ikhwelo lokuba incwandi ezithe zabhalwa ngababhali besiXhosa mazifundiswe kumabanga aphezulu ukuze ulutsha lwazane nabo ababhali abathe baphakamisa izanga lesiXhosa.

Comments are closed.