By Malikhanye Mankayi
Ibingumhla omkhulu kubantwana abenza amabanga aphantsi ngelixa beqala ukuba yinxalenye yesiseko esibizwa ukuba yiMakhanda Stibili Music Festival. NgoMgqibelo, umhla wama29 KweyeThupha, imilonji nemilonjikazi esakhulayo ibiqhayisa kwaye izidla ibonisa isakhono sabo somculo.
UVelile Phantsi, onguSihlalo weliphulo lemvumi zaseMakhanda, uchae unobangela wala mhla. UPhantsi uthe, eyonanto ibengu nozala walo mhla ngumbuzo abathe abawufumana, njenge sigqeba, othi “Bazishiya ngelithini izikolo zamabanga aphantsi kweli phulo? Lo nto yabangela ukuba baxhamlise nezintsana zamabanga aphantsi. Phakathi kwezinto athe wazikhakanya ekwenzeni kwabo eliphulo kukuzama ukubuyisa iikwayala ezaziwayo zaseMakhanda nokubuyisa isithethe somculo kwisixeko iMakhanda.
Imilonji nemilojikazi kwizikolo ezahlukileyo zinikwe ithuba lemijikelo embini yokukhwela eqongeni, umjikelo ngamnye imvumi bezinikwe ithuba lokuvuma amaculo amabini. Ezi zikolo zamabanga aphantsi bezisitsha zintambo uyokukhwela eqongeni.
Kuqale iskolo iFikizolo Primary School, ingena isithi “Ikhaya Lam Lizulu“. IN.V Cewu Primary School yalenda ngondlwabe isithi “Zange Kubenje Apha Ekhaya“. Bakhatshiwe ngoxolovane bemvumi esele zinamava eqonga, iMakhanda Youth Choir isithi “Uzindla Ngantoni Le Nto Ubhetele”.
Zonke ezikwayala zihlike zashiya iqonga livutha amalangatye, waqwala nobhexeshi wenqubo, imbhongi uAkhona “Bhodli’ngqaka” Mafani esithi, “Ininene isakho somculo sikhona luke milomji nemilojikazi kwaye ootitshala boculo zebhayi njonge ngeliso lokhozi le talente kwaye bazixhase ezintsana ngoba abanye baswele inkxaso emekhayeni abo”.
Lo msitho uqaqambhisile ukuba kuthatha ilali ukukhulisa umntwana ngelixa kunikwa uMrs Ngalandile ongu mzali iqonga ukuba amele abazali adlulise ilizwi lenkuthazo kubaququzeleli balo msitho. Uncomile ubuhle bale mini wabe esithi eliphulo lilo elizakwenza abantwana bangancingi ngeziyobisi nangomdiliya ofaxangiweyo. Ugxininise ebhekisa kwii ntsana esithi baze bangayiphunculi bawubambhe ngezandla zombini umculo usiso isiseko sobomi, ebudaleni inganguye umsebenzi ozisa isonka etafileni.