NguChris Totobela

Bekuqhawuka unobathana kumabala aseQhorha kule mpelaveki sisuka kuyo. Ulutsha lwaseQhorha luzibandakanye noMzantsi Afrika uphela ekubhiyozeleni umhla wolutsha ngokusingatha itumente yebhola ekhatywayo nebhola yomnyazi.

Le tumente iqale ngoLwesihlanu yaze yagqityezelwa ngeCawe, nalapho kuwongwe khona abo baphumeleleyo. Kwitumente yamakhwenkwana angaphantsi kweminyaka elishumi elinesihlanu Amanzi FC, ibethe iReally Chiefs ngamanqaku amathathu eqandeni kumdlalo wamanqamu. Isigaba sabo baneminyaka engaphantsi kwamashumi amabini ananye iUnited Brothers yase-Addo ibethe iFriendly City yaseQorha kwiipenaliti ngamanqaku amathandathu kwamahlanu yabe kanti igoduka nendebe yobuntshatsheli.

Kwibhola yomnyazi, iFriendly City iwongwe njenge ntshatsheli emva kokubetha iJaguars ngamanqaku angamashumi amabini kwasithoba. Umququzeleli waletumente uLuyanda Wala uthi le tumente ibe yimpumelelo kakhulu kwaye onke amaqela abonakalise ukuzimisela usukela kumdlalo wokuqala ukuya kowokugqibela. Uphinde wenza umbulelo ongazenzisiyo kubo bonke abathathe inxaxheba ngakumbi kubaxhasi abenze yonke la mpelaveki yayimpumelelo.

Ulutsha luphume ngobuninzi lwebhazalala kulo lonke eli, iceya lishiyeke kurhulumente ngoku afake imali kwezi tumente axhase ukuze ulutsha luqhubekeke nemidlalo kungalindwa iziganeko ezinkulu ukuze kudlalwe.

Comments are closed.