NguChris Totobela

Bekushiyana Oomama ukondla kwibala laseNtsika e-Extension Seven nalapho amakhwenkwana aselula ebevana amandla khona.

ISophia Stars ibambisene nabakwaThree Valleys Wildlife isingethe itumente yabadlali abangaphantsi kweminyaka elishumi elinesine kwakunye nabadlali abaneminyaka engaphantsi kweshumi elinesithandathu njenge nxalenye yemibhiyozo yenyanga yolutsha. Le midlalo iqale ngomhla wolutsha obizwa iJune 16 yaze yagqityezelwa ngeCawe umhla weshumi elinesibhozo.

Kwabo baminyaka engaphantsi kweshumi elinesine iSophia Stars, iwongwe njenge ntshatsheli emva kokubetha iJacaranda Aces ngamanqaku amahlanu kwamane kwii penaliti emva kokuba uphele umdlalo ebambene ngenqaku macala. ISeven Stars yona igqibe kwindawo yesithathu.

Kwabo baminyaka engaphantsi kweshumi elinesithandathu iGolden Eagles, iwongwe njenge ntshatsheli emva kokubetha iSophia Stars ngenqaku elinye eqandeni yaze yona iRiebeck East yagqiba kwindawo yesithathu.

Ngokutsho komqondisi wezemidlalo kwiSophia Stars uThulani Msipha letumente ibe yimpumelelo kakhulu kwaye abadlali bayonwabele ngeyona ndlela. Onke amaqela ebezimisele kakhulu emva kwesithuba esingaphezu konyaka engasadlali lamaqela.

Comments are closed.