As this is the week we focus on importance of water, the following poem is telling the importance of this life enhancer. It is in the best interest of our nation to take a good care of this commodity from our universe which is kind enough to give it to us free. Mawethu sisatsho amanzi ngawo angumxhasi wempilo yethu. Oh yhini bantu bakowethu, zingawa na iintango amadoda ekhona? Zingatsha na iimbiza iintokazi zikhona? Nakanye. Kule nyanga yamalungelo sithumeleni iimbalo ngqangi zenu ngale nyanga. Please be kind to water.

AMANZI

Angu mthombo wobom
Asisipho esisuka kuSombawo
Yena osinakekelayo
Kwezo ntsuba zase phakadeni
Avule imithombo yamanzi
Mawethu kuyaphileka ngaphandle kokudla
Izidlo ezizi muncumuncu
Zitsho phantsi kuwo
Amanzi ayinzaliseko yobom
Amanzi ayingqalo yobuntu

Nakekela amanzi mkhaya
Waphathe ngobunono dade wethu
Kuba akuko konke okufunayo
Ubuhle bakho buxhomekeke kuwo
Khon’ukuze abhence obo bunzwakazi

Mzi kaNtu amanzi ayimpilo
Musa ukuvumela abantwana badlale ngawo
Asisiseko sempilo yonke
Dlamkani ngamanzi
Nivuyele ukuwa ncoma
Ngokusolok’esenzela lul’umzi wasetyhini

Asiko kuwasela kodwa
Emayezeni aliqhayiya
Ekucoceni ayi mbunguzulu
Ekuhlaziyeni ingqondo ayi nceku
Kwatsho umama wathi
Amanzi akuko konke esikufunayo

AMANZI
Niyazi mawethu
Niyazi mabandl’ezizwe zakowethu
Amanzi kaloku abalulekile
Alichiza kwabo badinga impiliso
Ayindlela yokudibanisa umntu noThixo
Kwabo bazibiza njengaba thandazeli

Niyazi mawethu
Mabandl’ezizwe zakowethu
Amanzi ngawo ancakasana
Afuneka kuphilwa kungenjalo kugulwa
Nqand’abantwana bangadlali ngamanzi
Suduka nawe umdala ekudlaleni ngawo

Ithontsi apha ithontsi phaya
Likhongozele ngobunono
Usazi ukuba amanzi ayigolide kuze zintsuku
ENtshona Koloni bagweqile angapheli
EMpuma Koloni amadama ayashokoxeka
Kunqabe nabaphathiswe amanzi amafu

Amanzi kuphela komthandazo wezilwanyana zase khaya
Kwakunye nezo zase ndle
Kuba zona zinqwenela uhlaza lwengca kuphela
Angumthandazo weenkedama
Kuba zingenakho ukuphila ngaphandle kwawo
Kuluntu lonke ke kodwa
Aliqhayiya eli ngatshelwa xesha

Iimpompo nemilambo namadama zise namanzi

Camagu

 

Iinyawo azina mpumlo

It is all about living in harmony with those around you so that in future you will be able to face them. If not you your children and their children may remember how you treated their people in the past as nothing stays in there for good. It has a way of affecting the present. Feet do not have nose they do not sniff where to go. 

Yintetho ethande ukuncipha kule mihla siphila kuyo. Ulutsha lwana mhlanje lungade lukukhangele ngamanye amehlo ngenxa yokungazi intsingiselo nobunzulu bentetho le.

Ungabeva xa bephendula besithi ngentetho yana mhlanje, “hayi tayima akukho nyawo lunga phuma iimpumlo ngaphandle nje kokuba umntu usisidalwa”. Phofu besitsho ingqondo bengakhange bayinike inzikiso yokukucinga oku kutshiwoyo. Kanti ukuhlala ngokuzola nokonwaba kuxhomekeke kule nto ithethwayo.

Le nto idalwe kukubona kolutsha indlela abadala abanga khange babe nalu sini kwabo bahambeleyo ekuhlaleni. Ibe lula ukuqonda lo nto kulutsha kuba kwa abamelwane abavani aba bulisani akukho bani ukhathalele ummelwane wakhe. Kobeka phi ke ukungamkhathaleli lowo usuka ngaphaya kwemida yalapha kwaMhlab’uyalingana? Ukungabi nampumlo konyawo kuthatha indawo ende kwaye kufuneka abantwana bethu bazi ngale nto kuba ingomso alaziwa.

Okwenene ke iinyawo azinayo nokuba ibe nye impumlo kodwa oko ukwenzayo namhlanje emntwini nokuba ngowa luphi na uhlanga kungenjalo usuka phina. Kungenzeka ungadibani naye lo umenzela oku kodwa inzala yakho ihlangane naye kwaye impumelelo yakhe ixhomekeke kulo mntu namhlanje wena umnukunezayo. Nawe ungahlangana naye ebomini bakho bakamva sele inguye usomaqhuzu kule ndawo wena uyithandazeleyo ukuba mawube yinxalenye yayo, kanti yena ungumthathi sigqibo kwkamva lakho. Kube buhlungu okanye uvuye ngokusuka umbone kuba ukhumbula indlela owamphatha ngayo. Intetho yeciko lakudala lomntu ontsundu lithi “Yenza oko unga kungenziwa kuwe”

Masifundeni ukuphathana kakuhle njengabantu. Njengoko kubonakala ukuba nalapho sihlala khona  kule mihla yezibane, sinabamelwane ekwakungavumelekanga ukuba bahlale kufutshane nathi kungenjalo thina sisondelelane nabo. Xa sinokuba xelela abantwana bethu ngothando  besakhula ngendlela yokubaluleka kokuba noxolo nabo babangqongileyo ukuze babe nako ukuncedakala ngomhla we mfuneko. Umntu ongamaziyo omnye umntu akohlukanga nganto kwirhamncwa kuba lona lazi lona lodwa lifuna ukulungelwa kodwa hayi omnye umntu.

“ Bantwana unyawo aluna mpumlo, nizi lumkele izinto enizenza ebantwini kuba kamva niya kuthi  nihlangane nabo ebomini”

Grocott's Mail Contributors

Grocott's Mail Contributors includes content submitted by members of the public, and public and private institutions and organisations - regular and occasional, expert and citizen, opinion and analysis.

Comments are closed.