Ibiluvuyo lodwa eAlbany Museum eRhini nge-23 kaSeptemba nanjengoko bekubhiyozelwa inyanga yenkcubeko, amagugu namafa.

Ibiluvuyo lodwa eAlbany Museum eRhini nge-23 kaSeptemba nanjengoko bekubhiyozelwa inyanga yenkcubeko, amagugu namafa.

Iingoma, iintsomi, umxhentso nezibongo zezinye zezinto ezenze olu suku lwabamnandi yaye lwakhumbuza abantu ebebezimase lo msitho ngemvelaphi yabo. I-Albany Museum ibibambisene neSebe lezoBugcisa neNkcubeko neNational English Literary Museum ukwenza lo msitho.  Umsitho obumila kunje awuqali ukubakho eAlbany kodwa kulo unyaka ude wathiywa negama, kwathiwa yiHeritage Festival. Le festivali iza kubanjwa minyaka le ukubhiyozela inyanga yencubeko, amafa namagugu eMzantsi Afrika.

Ngokokutsho kukamama uNozipho Madinda oyiEducation Officer eAlbany Museum, lo msitho wenzelwe ukukhumbuza uluntu ngokubaluleka kwenkcubeko nobuni ukuze ubani nobani azazi yaye azingce ngemvelaphi yakhe. 

Inkqubo entsha ebizwa ngokuba yi-Isikhumbuzo ibiyinxalenye yalo msitho yaye yona ijonge  ukusebenzsisa ubuchule bobugcisa ukuveza amabali ngembali yaseRhini neyoMzantsi Afrika uphela. Le nkqubo iqale kulo nyaka yaye indima eyidlalileyo kule Heritage Festival iquka umdlalo weqonga obufundisa ngembali kaGraham noMakhanda, umdlalo weqonga obufundisa ngembali nokufika kombhoxo eRhini nomnye obubhekisele kukubaluleka kokuzingca ngemvelaphi yakhe umntu. 

UGqirha Nomalanga Mkhize oyinxalenye yeSikhumbuzo ufunde intsomi yakhe esihloko sithi, Song of the Animal Clans ebithetha ngentsukaphi yeziduko, nalapho kuthe kwacaca ukuba iziduko ezininzi zisusela kwizilwanyana. Le ntsomi ibikwabonisa ubudlelwane obabukho kwamandulo phakathi kwabantu nendalo. 

Omnye wabaququzeleli bale nkqubo, uNjingalwazi Julie Wells weSebe lezeMbali eRhodes University uthi inkqubo yeSikhumbuzo izama ukukhuthaza yaye iqhubeka neengxoxo ezikhoyo phakathi kweengcali zobugcisa neengcali zembali malunga nembali yedolophu iGrahamstown.

Uthi ezi ngxoxo zidlala indima ekupholiseni amanxeba afunyanwa luluntu ngenxa yembali yocalucalulo eMzantsi Afrika. Utsho esithi iqonga elinikezwa yinkqubo yeSikhumbuzo liza kuqinisekisa ukuba abantu abangathathi ntweni nabo bazizityebi bayamamelana ukuze, ekugqibeleni kufunyanwe izisombululo ezizizo zezinye zeengxaki ezijongene nesizwe ezifana nomba wokohluthwa komhlaba kubantu abamnyama. UWells ubongoza amashishini, imibutho okanye nabani na onomdla ukuba ancedise  ngenkxaso-mali nanjengoko le nkqubo yabo isakhasa yaye isasokola ngakwicala lemali.

Amaxhego namaxhegwazana akumakhaya abantu abadala eRhini ebesonwabisa nawo ngomculo wawo omnandi. I-Amasango Career School neGraeme College bezisonwabisa ngomculo weMarimba. IN.V Chewu Primary School ibisenza iimajorensi ze iC.M Vellem yenza umxhentso. 

Comments are closed.