Isichazi-magama sokuqala esiquka ulwimi olulodwa esiXhoseni (The first ever monolingual isiXhosa dictionary) S.L. Tshabe, Z. Guzana & A.B.B. Nokele (Eds). 2008. Isichazi-magama SesiXhosa. (725pp.) Pietermaritzburg: Nutrend Publishers.

Isichazi-magama sokuqala esiquka ulwimi olulodwa esiXhoseni (The first ever monolingual isiXhosa dictionary) S.L. Tshabe, Z. Guzana & A.B.B. Nokele (Eds). 2008. Isichazi-magama SesiXhosa. (725pp.) Pietermaritzburg: Nutrend Publishers.

Libhalwe nguPhilasande Mfaba noBabalwa Resha Phambi kokuba sihlalutye esi sichazi-magama, kubalulekile ukuba sijonge iimeko esibhalwe phantsi kwazo.

Into ekhuthaze ukubhalwa kwesi sichazi-magama kukusabela xa kanye uMgaqo-siseko phantsi kwePanSALB ukhwaza ungxengxeza uphuhliso lweelwimi zesiNtu khona ukuze zikwazi ukusebenziseka lula kwimfundo yale mihla.

Isichazi-magama SesiXhosa sisichazi-magama sokuqala ngqa esibhalelwe abantu ulwimi lwabo lusisiXhosa, sijongene nokuphuhlisa isiXhosa ngokuthi sijoliswe kumaXhosa.

Sisichazi-magama esiphakathi ngobukhulu njalo esiqulathe ulwimi olunye, nangona kukho eminye imichazwa ecaciswe ngokwentsusa yawo kwezinye iilwimi ezifana nesiNgesi, isiZulu, isiBhulu kunye neziyelelani zesiXhosa.

Esi sichazi-magama singasetyenziswa ngabafundi abakumabanga aphezulu ukuya kwinqanaba laseyunivesithi.

Kodwa ke abantu abasifundayo isiXhosa, ulwimi lwabo ingesiso isiXhosa nabafundi abakumabanga aphantsi bangasokola ukusisebenzisa esi sichazi-magama.

Okokugqibela, esi sichazi-magama sisisiseko sezinye izichazi-magama, uyothi lowo ucinga ukubhala esinye atsale esi akhe phezu kwaso, andise apho kusilele khona de alungise apho kujijeke khona, nomnye abe ngeso emsileni womnye de olu lwimi luzimele ngawo omane liphale ukuya phambili.

Isichazi-magama sesiXhosa sipapashwe ngonyaka ka-2008.

Into engaxela ukuba esi sichazi-magama siqulathe amagama esiXhosa angoku. Umzekelo iinyanga zonyaka zibhalwe ngohlobo lwemboleko – u-Agasti endaweni ka-eyeThupha.

Esi sichazi-magama singasetyenziselwa:
A.Ukujonga upelo nenkcazelo yamagama
B.Ukufunda ngamahlelo nezimaphambili
C.Ukuqonda igrama (grammar) yesiXhosa — izenzi, izibanjalo, izibizo, izimelabizo njl njl.
D.Ukufunda ngomahluko phakathi kwesininzi kunye nesinye.
E.Xa ufuna ingcazelo ngentlalo yakwaXhosa; iziduko, ukuzalana, amasiko.

Xa unomdla wokwazi amanye amagama eziyelelani zesiXhosa. Izichazi-magama zale mihla ziqulathe iimo ezintathu.

Okokuqala ngumbandela wemo yangaphambili, imo yangaphakathi, kunye nemo yangasemva ethi isichazi-magama eso siyuqulathe.

Kwesi sichazi-magama imo yangaphambili iqulathe inkcazelo ngendlela ubani anokuthi asisebenzise ngayo isichazi-magama esi, kwaze kwafakwa nesifinyezo kunye negrama (grammar) yesigama sesiXhosa.

Ezi nkcukacha zithi zincede umsebenzisi wesichazi-magama ukuba athi esisebenzisa esi sichazi-magama abe exhobile ngemo nentlobo yesigama.

Imo yangaphakathi yona inemichazwa, yona ebhalwe ngamagama angqindilili, yaze yalandelwa zizigaba zentetho.

Loo nto ithi ibe luncedo ekusebenziseni igama elithile kwisivakalisi ngesivumelanisi esisiso.

Kwimo yangasemva kuqhutyekekwa ngokusetyenziswa kwegrama okanye kusetyenziswa igrama yesigama sesiXhosa, kukwafakelwa nentlalo yakwaXhosa, izinto ezifana neziduko, iinyanga zonyaka nezibhalwe ngolwimi lwesiXhosa, amagama alatha ukuzalana kunye nenkcazelo banzi yoku.

Apha kwesi sichazi-magama maninzi amagama okanye isigama esifakiweyo okanye ebekunganyanzelekanga ukuba sifakwe nanjengoko oku bekungazi kwenza mahluko omkhulu.

Umzekelo amagama amaninzi azizixando afana nathi ukwendela (136) okanye ukwendisa (137) libe igama eliphambili ukwenda lingekho kuluhlu lwala magama.

Umsebenzisi wesi sichazi-magama sesiXhosa kufuneka abe nolwazi ngeziqu zamagama esiXhosa kuba zizo ezisebenza njengamagama okuqala hayi isimaphambili.

Kodwa kwamanye amagama afana nezihlomelo (phantsi), izenzi eziyalelayo (-hlala) zona azibhalwa ngesiqu, zibhalwa zinjalo.

Loo nto inika umsebenzisi wesichazi-magama uxanduva lokuba azi iziqu zezibizo nezenzi nomahluko phakathi kwezenzi, izibizo, izihlomelo njalo njalo, aze akwazi ukufumana igama elo.

Zonke ezi zinto ziqulathwe kwesi sichazi-magama ingakumbi ezinesigama sesiXhosa, zibalulekile ukuba ubani azazi xa ezimisele ukusebenzisa ulwimi lwesiXhosa apha ebomini bakhe.

Kodwa akubonakali iyinto ebalulekileyo into yokuba isigama sesiXhosa side sifakwe kwisichazi-magama sesiXhosa, nanjengoko oku kusebenzisa umhlaba omkhulu wesichazi-magama nokungekho mfuneko yako.

Nanjengoko esi sichazi-magama sesiXhosa senzelwe abantu ulwimi lwabo olusisiXhosa bekumele noko ukuba ngexesha besebenzisa esi sichazi-magama babe sele besasi isigama sesiXhosa, ngoko besisebenzisela isichazi-magama esi ukuba sibancede ekufumaniseni inkcazelo ngegama elithile.

UPhilasande Mfaba noBabalwa Resha ngabafundi besiXhosa kwiSebe leeLwimi zesiNtu, eRhodes University.

Comments are closed.