Kwiveki yokuqala kaAgasti, bekubanjwe i-creative writing workshop yesiXhosa kwiYunivesithi iRhodes.

Kwiveki yokuqala kaAgasti, bekubanjwe i-creative writing workshop yesiXhosa kwiYunivesithi iRhodes.

Le workshop ibiququzelelwa ngabafundi baseRhodes abenza isidanga seMasters kwiCreative Writing, ibizinyanswe ngabafundi bePhD, Masters, Honours kunye nabahlohli besebe leelwimi zesiNtu eRhodes.

Bachithe iintsuku ezimbini becebisana ngeendlela zokusebenzisa isiXhosa xa ubhala uncwadi.

Kokokuqala ngqa kulo nyaka ukuba abafundi bavumeleke ukuba babhale iincwadi zabo ngesiXhosa kunye nesiNgesi kwesi sifundo seMasters (kwi-creative writing).

Le workshop ibilawulwa yimbongi yosiba kunye nomhlohli wase-New Brighton, eBhayi uMxolisi Nyezwa kunye nombhali owaziwayo uSoga Mlandu. Kwezi ntsuku zimbini bebecebisa abafundi ngeendlela ngeendlela zokubhala (creatively) ngolwimi lwabo lwenkobe.

Omnye umfundi weHonours, uSimthembile Matyobeni, ucacise wenjenje, “…eli lithuba elibaluleke kakhulu, ngakumbi xa sijonga indlela abanye ababhali abalujongele phantsi ngayo ulwimi lwabo lwenkobe.

Ukubaluleka kokujonga iindlela ezahlukeneyo zokubhala, ulinga iindidi zohlobo loncwadi xa ubhala, yenye yezinto ekugxininiswe kuyo kakhulu kule workshop.

Kubalulekile ukuphuhlisa ababhali boncwadi olunembali ende yengcinezelo ejike ngoku yangababhali abazicinezelayo. Omnye wabafundi beMasters uMangaliso Buzani uthe ulivuyele kakhulu ithuba lokufunxa ulwazi komnye wababhali abasele bezibalule njengoMlandu: “Lithamsanqa elikhulu. . . . ukufunda nzulu ngolwimi lwakho lwenkobe.

"Uncedo lukatata uMlandu, nendlela asikhuthaze ngayo, ezama ukusibonisa iindlela zokusebenzisa ulwimi lwanamhlanje xa sibhala ngelizwe lethu lanamhlanje; loo nto nje kuphela indenze ndaziva ndikhululeke kakhulu. Ukuba kukho imidlalo emitsha endinokuyidlala ngolwimi lwam, kungani ke ukuba ndingayidlali? Kungani na ukuba ndingabi ndingasebenzisi ubuchule njengomntwana ocula iingoma ezintsha.”

Ngosuku lwesibini, uElinor Sisulu kunye noGqirha Mhlobo Jadezweni ongumhlohli kwisebe leelwimi zesiNtu eRhodes baye bandwendwela kule workshop bathetha ngomnyhadala wabantwana, wamabali esiXhosa (Puku Story Festival).

Lo mnyhadala uququzelelwa lisebe leelwimi zesiNtu (eliquka iNRF SARChI Chair in Multilingualism) bebambisene nequmrhu leNational Arts Festival, uza kubanjelwa apha eRhini kwimpelaveki yokuqala kwinyanga kaSeptemba.

Lo mnyhadala uza kugxila kakhulu kumabali abantwana abhalwe ngesiXhosa, ngethemba lokuba ababhali baza kubhala amabali amatsha angasetyenziswa ngamaziko emfundo apha ekuhlaleni.

Zikhona ke nezinye ii-workshops ezifana nale, eziza kubanjwa phambi kokuba uphele lo nyaka. IYunivesithi iRhodes kunye neYunivesithi yaseNtshona Koloni (UWC) zizo kuphela ezivumela abafundi ukuba basebenzise ulwimi lwesiNtu xa bebhala. 

URobert Berold oyintloko yezi zifundo, uthe: sifuna ukunceda ababhali abanesakhono sokubhala ngesiXhosa, sibanika ithuba lokujonga iindlela ngeendlela abangabhala ngazo izibongo kunye namabali (fiction). Njengokuba silapha eMpuma Koloni, siza kuncedisa ngandlela zonke ekubhaleni, ekufundiseni nasekupapasheni ngesiXhosa.

Ezi zifundo zeMasters zikholo ukudala amathuba anjalo.

Ungasithumela isicelo sokufunda iMasters kwi-Creative Writing 2014 (full & part time) ndwendwela ku:www.ru.ac.za/isea/courses/mainwriting/ ukufumana iinkcukacha ezithe vetshe

Comments are closed.