Sisaqhuba nezihlekisayo nezifundisayo, esizicaphule pha kubuso bencwadi (face book). Sikwajonga nefuthe lezaci namaqhalo kule mibhalo.

Jonga nanku ke omnye umbhalo:

Sisaqhuba nezihlekisayo nezifundisayo, esizicaphule pha kubuso bencwadi (face book). Sikwajonga nefuthe lezaci namaqhalo kule mibhalo.

Jonga nanku ke omnye umbhalo:

(Wandibuza ukuba ndiyithenga nini imoto, ndihamba ngenyawo zakho kakade?)

Singathi lo mntu kubhekiswa kuye apha, ngumntu okhawulela iinkawi zisiya kusela. Mandulo phaya impendulo ibiyakutsho, ithi musa ukukhawulela iinkawu zisiya kusela. Apha ke kutshiwo kumntu oleqa into ekude kunaye. Neenkawu bezingethandi ukuba ziphazanyiswe xa ziziyela emlanjeni ziyokusela.

(Musani ukuthi cwaka xa nipeyile.)

Apha ke singalindela impendulo ethi, akukho nkwali iphandel’enye, eyenza njalo yenethole. Oko kukuthi, elowo umntu makazizamele ngokwakhe ungagadi abanye abantu xa bepeyile.

(Yakumka ikati, iimpuku ziyadakasa.)

Eli ke ibali silithunyelwe nguGqirha uKoos Oosthuysen.

Lisifundisa ngokubaluleka kolwimi.

Uthi, impuku nabantwana bayo babesonwabele isidlo sangokuhlwa.

Kuthe kusenjalo kwe gqi ikati.

Utata weempuku wema ngeenyawo wakhonkotha okwenja. Yangcangcazela ikati yabaleka.

Watihi utata weempuku niyabona ke bantwana bam ukuba kubaluleke kangakanani ukuthetha iilwimi ezininzi.

Comments are closed.