Makana Update 17 October 2011

Kuluvuyo kum ukuba ndazise abemi base-Makana ingakumbi abezindawo zilandelayo: kwa-Ndancama nase Eluxolweni okokuba sele kumbovu ukuba apheliswe amabhakethi angasese kwindawo abahlala kuzo. Eli phulo lijonge ekuyikhupheni nengcambu imbali yengcinezelo.

Makana Update 17 October 2011

Kuluvuyo kum ukuba ndazise abemi base-Makana ingakumbi abezindawo zilandelayo: kwa-Ndancama nase Eluxolweni okokuba sele kumbovu ukuba apheliswe amabhakethi angasese kwindawo abahlala kuzo. Eli phulo lijonge ekuyikhupheni nengcambu imbali yengcinezelo.

Abemi base-Makana bayakukhumbula ukuba singulo-Masipala onembali ngomba wamagumbi angasese asebenzisa amabhakethi. La mabhakethi yayiluhlobo lorhulumente wengcinezelo lokuphelisa isidima sabo babecinezelwe kwanokubonelela ngenkonzo ngokobuhlanga.

Phambi konyulo luka-1994 isininzi selokishi zabantu abamnyama zazisebenzisa amagumbi angasese amabhakethi. U-Masipala wethu ngomnye wabo babenala magumbi phantse kubo bonke abantu ababehlala elokishini. Kuthe kwakungena urhulumente wesininzi, wathembisa ngokuphelisa le nkqubo yamabhakethi.
Urhulumente wamisa unyaka ka-2007 phantsi kwephulo elalisaziwa njenge-Bucket Eradication Programme phantsi korhulumente wephondo. Eli phulo lalijonge ukuphelisa amagumbi angasese amabhakethi kwizindlu ezakhiwa phambi konyaka u-1994. Umthetho wawusithi izindlu ezizokujongwa zezo zaziphunyeziwe ngu-Rhulumente. Le nto ithetha ukuba izindlu ezingaphunyezwanga okanye iindlovu zazingazokuqwalaselwa.
U-Masipala walisabela eli khwelo ngokuthi ngeminyaka embalwa akhawuleze ukuphelisa amabhakethi. Ukusuka kokungena korhuluumente wesininzi ukuyo kutsho ku-2007 urhulumente sele esebenzise imali izigidi zeerandi ukususa amagumbi angasese amabhakethi.

Oku kubonisa ukuzimisela kwalo-Masipala ekuphuculeni ubomi babantu base-Makana.

Sithetha nje iindawo ezisenamabhakethi zezo ezazingabandakanyeki kwisivumelano sephulo lika 2007. Ukanti urhulumente waphinda wathabatha isigqibo sokuba izindlu zesibonelelo sikarhulumente mazibenamagumbi angasese agungxulwayo.

Into eyenzekayo kwathi ngethuba kwakulungiselelwa ukufaka amagumbi agungxulwayo kwafunyanwa amathambo abantu Kwandancama. Yimizi engmamashumi amathathu anesithathu (33) le sithetha ngayo.
Lo nto yakhokelelwa ekubeni ume umsebenzi kwaye kuzanywe ukufumana nabantu abanolwazi ngamathambo awafumannekayo. Emva kwalo nkqubo umasipala wazama ukufumana imali yokuqhuba nomsebenzi kwisebe elichaphazelekayo apho wawuyeke khona. Oku kubengumngeni kakhulu, umasipala ezama kangangoko ukufumana le mali.

Kuthe ngelokuncama, i-Bhunga laphumeza ukuba kusetyenziswe kwimali kamasipala ukwakha lamagumbi angasese ngelixa kusalindwe isebe.

Ukanti Eluxolweni zizindlu ezngamashumi amathandathu anesithoba (69) ezisasebenzisa amagumbi angasese asebenzisa amabhakethi. Ukanti zizonke izindlu ezisebenzisa amabhakethi apha e-Makana zingamakhulu amabini anesixhenxe (207).

Sithetha nje, silandela inkqubo yokufumana iinkampani ezizokwakha la magumbi agungxulwayo kwaye kulindeleke ukuba umsebenzi uqale kungentsuku-zatywala.

Ndifuna ukucela uxolo kubemi base-Makana ingakumbi abo babandekanyekayo kulo mba wamagumbi anagsese ngokulibaziseka ekusongeleni lo mba. Andifuni ukubangathi ndolatha iminwe xa ndisithi oku kulibaziseka akubangelwanga ngumasipala. Eliyinene lona lelokuba imali yalo msebenzi iphuma kumanye amasebe kurhulumente wqephondo.

Currently the Mayoral Imbizo is still under way and I am quite pleased and encouraged by the turn-out. In trying to ensure that there is improved attendance of these meetings, I requested all councillors to be part of the visits made to households within their areas, when meetings take place there.

This also assists in hearing from the elderly, disabled and others who would not be able to attend what their problems are. I wish to commend my fellow councillors from all different parties for their co-operation in this regard.

All the issues raised in the Mayoral Imbizo will be considered and incorporated into the Integrated Development Plan (IDP) of the Municipality. It is only once projects are on the IDP that a budget can be allocated to them and funding from outside funders can be sourced.

In closing, I wish to remind all Makana residents that Census 2011 started on 10 October and will end on 31 October 2011.

I encourage all of you to allow officials from Statistics South Africa to do their work. This information is very important, as the number of residents from each municipality determines the financial support from the National Treasury.

Ndikhuthaza abantu babeyinxalenye yenkqubo yokubalwa nanjengoko oku kunefuthe kwimali umasipala ayifumanayo kwisebe lezimali kurhulumente wesizwe.

Ukanti kule mpela veki siyakuyo kuzakubakho itumente yamanqindi e-Noluthando Hall. Kuba lo rhulumente wethu uzimisele kuphuhliso lolutsha, umasipala wenze sibonelelo semali ukuqinisekisa impumelelo yale tumente. Ndifuna ukumema ulutsha nabazali ukuba bazokukhuthaza abantwana base-Makana xa besithi bona bakhetha imidlalo endaweni yolwaphulo mthetho neziyobisi.

Ngalo mazwi ndiyabulela!

Ozithobileyo,

Zamuxolo Peter
Executive Mayor

Comments are closed.