Nam njengomntu wonke ndifikelele kwelonqanaba lamaphupha afezekisiweyo. Ngenxa yocinizelelo nobunzima esikhule phantsi kwazo khange akwazi ukufezeka onke amaphupha endikhule ndinawo. kodwa akhona lawo athe afezeka ngenxa yomonde, nenzondelelo, nonyamezelo ebendinalo. Ndikhule ndinomnqweno wokundwendwela nokuba yenye okanye ezimbini zedolophu ezinkulu esinazo apha eMzantsi Afrika ndichaphule nje ezimbalwa iKapa lodumo (Cape Town) kunye ne Rhawuti (Johannesburg).

Kuthe ngelingeni elophupha lam lazalisekiswa apha kulendawo ndixilenga kuyo (Grocotts Mail), Uphathi oyintloko welisebe ndixelenga kulo umnu Steve Kromberg uye wandityumba ndibengomnye wababini abazakuthi bakhwele inqwelo moya esingise kwenye yedolophu ezikhulu iRhawuti sisiya kwinkomfa yezentengiso ( Marketing Indaba ) eqale ngomhla we 28 – 29 kweyoMsintsi (Septembe ) 2011.

Apho sithe sandibana khona nabantu ngabantu sisohlulelana ngezimvo zezentengiso, ndilithyuthyile ke elo limiweyo laseRhawutini ndibona ubumbejembeje balemihla mna ndithetha ngenqwelo zegolide zikanokutsho ndiye ndane thamsanqa lokukhwela enye yenqwelo ezikhawuleza okombane ekuthiwa ngelasemzini (Gautrain) ebendiyisebenzisa ukusuka kwindawo ebendifihle kuyo intloko ekuthiwa yi (Rosebank) ukuya apho ingqungquthela ibibanjelwe khona Sandton.

Ndafumana nethuba lokubona umfanekiso oqingqiweyo Statue sika tata wethu uNelson Mandela esikwindawo ekuthiwa yiNelson Mandela Square. Satyelela nakumagumbi osasazo ase Primedia. Ndaziva ndingcobile emphefumlweni wam kuba kaloku le ibiyenye yamaphupha wam ndikhula.Ithi ke lonto kubakhulu nakubancinci umonde, inzondelelo, nonyamezelo zizinto ezikusa empumelelweni.

Comments are closed.