UBrian Peltason, nongumnini Old Goal Backpackers, ubekwingxoxo ixesha elithande ukubalidana neSouth African Heritage Resources Agency (iSahra ngamafuphi) kusukela oko  bathi bathabatha le ndawo kwininyaka elishumi elinesithathu edluleyo.

UBrian Peltason, nongumnini Old Goal Backpackers, ubekwingxoxo ixesha elithande ukubalidana neSouth African Heritage Resources Agency (iSahra ngamafuphi) kusukela oko  bathi bathabatha le ndawo kwininyaka elishumi elinesithathu edluleyo.

Iyantlukwano ke isekugcineni esi sakhiwo nokuba bengakwazanga ukutyikitya uxwebhu lwesivumelwano soko.

Kwiveki ezisibhozo ezidluleyo iSahra ixelele uPeltason ukuba kufuneka abe uphume waphela kwesi sakhiwo ngomhla wokuqala kuAprili. Akukho xwebhu lusemthethweni ke abalunikiweyo lukhapha lomyalelo.

Ukusukela ngoko ke bangaphaya kwewaka abantu abangabaxhasi beOld Goal bephuma kweli nakumazwe angaphandle, bathe basungula icandelo kuFacebook noluqhankqalazela ukuvalwa kwale ndawo.

Nangona kunjalo, uninzi lwabantu apha ekuhlaleni, nabangafunanga kwaziwa, abahambelani noluqhankqalazo.

“Umnini walendawo akazenzelanga nyhweba ngendlela akuqhube ngayo ushishino lwakhe kulendawo”, uvakale esithso omnye wabahlali baseRhini. “Ukuba ubebanakekele ebahloniphile abamelwane bakhe ehloniphe nesakhiwo esi ubezakufanela ukuxhaswa sithi.”

Bangqinile ke nabanye osomashishini basekuhlaleni. Omnye nobonelela ngendawo yokuhlala kubatyeleli ulitsolisile elithi “zama ukubonelela abatyeleli ngendawo enesidima neyaziwayo ukugcina nesidima sedulophu iphela. Sivuswa ebusuku ngabatyeleli nabaye banyanzeleka ukuba bayishiye iOld Goal ngenxa yengxolo, isinxilo, ubumdaka nekunyanzeleke ukuba sibabonelele ngendawo.”
 

Omnye umhlali ukholelwa ukuba le ndawo iluhlazo kuledolophu. “Ndinolwazi ngokwaneleyo ngokwenzeka phaya kwaye ngokokwam akukuhlanga. Abona bantu bakhathalayo ngale dolophu ngabantu balapha. Abatyeleli kunye nabafundi aba bakhalazayo abacingisisi ngemiphumela yalendawo kuledolophu” unabe ngelitshoyo.

Abebhodi elawulayo beMakana Tourism bathi bazamile kumatyeli adluleyo ukuba le ndawo ihlolwe kwaye izkunikwa ukuba ikoluphi na udidi. Ngelo xesha le kukhangeleke ngokungathi akukho mimiselo iyiyo mayilandelwe yiOld Goal yococeko, indlela yokuziphatha kunye nabatyeleli.

Nangona kunjalo kukhona ukungqinelana koshomashishini ukuba indawo ebonelela ngeenkonzo ezifumaneka eOld Goal iyafuneka kwesi sixeko.

Ngoko ke, inxalenye yabo bathe banika izimvo zabo baxhasa elithi le ndawo ifuna ukuba iphuculwe kunokuba ivalwe. Inkolo yabo ithi lendawo okwangoku ikude lee ekubeni nesidima esifunekayo.

Le nkampu iyavumelana necebo leSahra ukusebenzisa esi sakhiwo njengeziko lokufundela. Okwangoku, uPeltason usaqhubeka ngothethwano olusemthethweni neSahra kwaye uthi akazi ukuba kuzokwenzeka ntoni na kwelishishini lakhe.

Balindele ke ukuba banikwe ixwebhu elibafudusa kulendawo ngokusemthethweni, nabakulungeleyo ukulilwa olo dala okanye iSahra ingqinelane ukuba kuthethwane.

Omnye usomashishini uthe wasishwankathela isimo sale ndawo ngelithi, “ekugqibeleni sicinga ukuba iziko lwemfundo luyakulondolozeka lwenze umfaneleko kulendawo, amaziko agcine imbali, imbali ebalulekileyo kunye nezinto ezinokuxhanyulwa kwezempilo, isimo esisiso kunye nemfundo yabantu bethu abatsha.”

 “Okona kubalulekileyo ke naluphi na ugalelo nomsebenzi ojolise ekuqhubeleni phambili nemfundo yabantu abatsh yeyona nto yokuqala.

Ukuba ke singakhuthaza kwaye sixhase elophulo, ngokuqinisekileyo ngomba ofuna ukuselwa iso kunokukhuthaza iziyobisi, utywala nomonakalo ke othi udalwe zezintlobo-ntlobo zeziyobisi.

Kungakuhle ke ukubona indawo nokuba inye eshishina ngokungaqondakaliyo ijikwa kusenziwa into eyakusenza ilunda nathi.”

Comments are closed.