Iqela labagwayimbi beSouth African Municipal Workers Union (SAMWU) athe ahlasela usomashishini uDevlin Bosman kwisitalato iNew Street emva kokuba ebuze ukuba kutheni abaqhankqalazi begibisela imoto nje ngebhotile zebhiya.

Iqela labagwayimbi beSouth African Municipal Workers Union (SAMWU) athe ahlasela usomashishini uDevlin Bosman kwisitalato iNew Street emva kokuba ebuze ukuba kutheni abaqhankqalazi begibisela imoto nje ngebhotile zebhiya.

Malunga namakhulu mabini amalungu weSAMWU athi angina kwizitrato zaseRhini becula iingoma zomzabalazo besasaza yonke imigqomo yenkunkuma abadibana nayo, bagibisela uBosman ngephanga lwebhiya, ngamagqudu kunye nevuvuzela, utsho ozibonele ngamahlo.

 “Ubebabuza ukuba kutheni begibisela imoto ngeebhotile. Akukho mntu uye waphendula; aba bantu bavele bambetha nje. Omnye wabo umbethe ngephanga apha entloko” uqhube watsho ozibonele ngamehlo.

Omnye ozibonele ngamehlo nozichaze njengoTembisa uthe, “ndive ingxolo ngaphandle; xa ndifika emnyango abaqhankqalazi bebelibetha ixhoba eli. Ndibaleke ndaya kuye kuba bendifuna ukumtsalela apha ngaphakathi evenkileni phambi kokuba bambethele ukumbulala. Xa ndifika kuye ke kuvele kweza igquba kum, ndagqiba ekubeni ndibaleke ndicinga ukuba nam bandibethe.”

UTembisa uthi uBosman uye wawa malunga nomnyango wendawo yokujimela iCurves. Uye waleqiswa kwisibhedlela iSettler’s kancinci nje emva koko.

IMeya yaseMakana uVumile Lwana uzigxeke kalukhuni iziganeko ezi zolwaphulo mthetho. “Imbi lento, nasiphi na isenzo sobudlobongela nolwaphulo mthetho kufuneka sigxekiwe. Asinto esinokuyinyamezela le. Kutheni kufuneka abantu balwe ndaweni yokuhlala phantsi kuthethwe izinto, yinto nook le ebinganyanzelekanga”

Ngokwelithuba ke, osomashishini baseNew Street bathe bacoca obobumdaka emva kokuba eliqela labantu lidlule. Abasebenzi baseAlbany Business Machines, the Rat and Parrot, the President's Award kunye neFrench Quarter bathe bacoca ze bazithuthela ngokwabo ukuyakulahla lenkunkuma kwindawo yokuyilahla kaMasipala.

iGrocott’s Mail nayo ithe ithe yezibonela ngamehlo esitratweni izinto ezinobungozi zesebe lezempilo ezifana namalaphu anegazi, iinalithi, kunye nezinye ke ezifana neethemometha.

Comments are closed.