Igumbi loonondaba basekuhlaleni nelaziwa njenge Grocott’s Mail Citizen Journalism Newsroom livulwe ngokusesikweni ngomhla we 8 Septemba 2009.

Igumbi loonondaba basekuhlaleni nelaziwa njenge Grocott’s Mail Citizen Journalism Newsroom livulwe ngokusesikweni ngomhla we 8 Septemba 2009. Le yindawo apho nawuphi na umhlali waseRhini avumelekileyo ukuba angene ze avelise umsebenzi wakhe wobuntatheli (ukubhala okukhatshwa ziifoto) ukuze zishicilelwe kwicandelo le Grocott’s Mail elithi MyStory apha kwi webhu nakwezinye ke indawo.

View video of learners being trained in citizen journalism
View photo gallery of official launch of the newsroom 
View narrated slideshow of the official launch

Eli lelinye lecandelo leprojekthi ethi Indaba Ziyafika, nejolise ekuphuculeni nasekusebenziseni ubuxhakaxhaka belixesha ukuntathela ekuhlaleni kwaye ixhaswa ngezimali liqela laseMelika iJohn S. and James L. Knight Foundation.

Indawo esifumaneka kuyo
Kwigumbi elisezantsi kwizakhiwo zaseGrocott’s Mail, e no 40 eHigh Street, eRhini eMzantsi Afrika.

Izixhobo
Eligumbi leentatheli zaasekuhlaleni lineekhompyutha ezilishumi, nezinentanjana zokwenza uqhakamshelwano nentlobontlobo zeeselula. Oku kwenzela ukuba kubelula ukuba ubani afake iifoto zakhe kwikhompyutha. Iisoftware ezikhona ziquka uOpenOffice, Paint.Net and Internet Explorer/no Firefox.

Uncedo
Bakhona abancedi ngamaxesha onke okuvula ukunika uncedo kwabo badinga uncedo lwekhompyutha kunye neemfonomfono zabo. Oluncedo ke luthi lufumaneke mahala ubani engahlawulanga kodwa ke kufuneka ube wenza lomsebenzi wobuntatheli basekuhlaleni ukuze ukwazi ukuzisebenzisa.

Amaxesha okuvula|
Ngu 10 kusasa ukuya kweyesi 3 emalanga ngeentsuku zonke zeveki.

Ixabiso
Ukusebenzisa eli gumbi lobuntatheli basekuhlaleni akuxabisi nesenti emdaka kuye wonke ubani ofuna ukuvelisa umsebenzi wakhe eneenjongo ezizizo. Eli ziko alenzelwanga ukuba abantu bazokusebenzisa nje I internet, likhona elenzelwe oko, ngoko ke ukuba eligumbi ligcwele abaye bavunyelwe ukuba balisebenzise kuqala ngabo bathe bagqiba ikhosi yoqeqesho lweGrocott’s Mail.

Uqeqesho
Eligumbi likwasetyenziswa njengendawo yoqeqesho lwabahlali baseRhini ngokubanika isakhono esisiso ukuvelisa olwabo ulwazi. Uqeqesho lokuqala noluveki ntandathu lusenzelwa abantwana besikolo kumabanga aphakamileyo lwasungulwa ngonyaka ka 2009 ku Agasti. Oluqeqesho lwaye lwaphindwa ekusongweni kwamnnyaka mnye lona lujoliswe kubahlali ngokubanzi nabathi bavelisa iimbono ezingococeko eRhini.

Zichulumancile ke kakhulu kukuba eli gumbi ibeligumbi apho kukhuthazwa ze kuxhotyiswe bonke abahlali baseRhini kwaye babeyinxalenye yeengxoxo nemiba ekuxoxwa ngayo ekuhlaleni, neyimiba apha echaphazela ubumi babo. Ngokufutshane ke, eli gumbi lenzelwe ukukhuthaza abantu bavule amehlo kwizinto ezibangqongileyo, babeyinxalenye yezozinto ngethemba lokuba bayakubanokuzingca ekugqibeleni.

Okokugqibela…
U Elvira van Noort wathi wangena ezihlangwini zika Michael Salzwedel njengomqeqeshi koluqeqesho noluqhube ukusuka kuFrbhuwari ukuya kuMatshi ka 2010. Abo ke bebethabatha inxaxheba bebegxile kwimiba yengqesho. Bobabini uKwanele Butana, nongumhleli kwelicandelo lobuntatheli basekuhlaleni, no  van Noort bathe bazibamba izihlandlo eziliqela ezikhosi kunyaka ka 2010 ukuya ku 2011.

Comments are closed.