Uninzi lukholelwa ekubeni ushishino ngendlu yabatyeleli iB&B eGrahamstown yinto eyakha yabalula ukwenza imali, nanjengoko emaninzi amathuba woshishino kuba lendawo ithi ibeneminyhadala emikhulu efana neNational Arts Festival kunye nexesha lothweso zidanga kwiDyunivesithi iRhodes.

Uninzi lukholelwa ekubeni ushishino ngendlu yabatyeleli iB&B eGrahamstown yinto eyakha yabalula ukwenza imali, nanjengoko emaninzi amathuba woshishino kuba lendawo ithi ibeneminyhadala emikhulu efana neNational Arts Festival kunye nexesha lothweso zidanga kwiDyunivesithi iRhodes.

Kodwa ke ukwenza ushishino olufana nolu kudinga ngaphezulu kokwakha nje amagunjana ukongeza kula unawo umana uqokelela irent. Kukhona amanye nje amaxabiso afihlakeleyo.

“Igunjana ngalinye elinomabona kude lidinga impepha mvume (TV licence) zikamabona kude ngamnye omnaye”, utsho uDanny Biermann nongumnini weLantern Hill B&B eRhini. “Kufuneka uhlawule imali egcweleyo for Mnet kunye neDSTV ze futhi uthengele igumbi ngalinye idecoder yalo” wongeze ngelitshoyo uBiermann.

uClaire Fraser, weJenny’s Guest House naye uthe wabelana nathi ngolwakhe ulwazi. “Ndafaka iDSTV kumagumbi am kunyaka ophelileyo, ndinamagumbi asibhozo ke, bekufanele ndifake iDish ezimbini kunye nedecoder kwigumbi ngalinye. Konke oko kwakuphaya kwishumi lamawaka eerandi” uhambise watsho uFraser.

La maxabiso axhomileyo ke athi anyanzele uninzi ukuba enze ngandlela zimbi “abanye bethi bathathe iindlela ezingekho mthethweni ngenxa yamaxabiso axhomileyo. Kukwafuneka kwakho uneempepha mvume zabucala zomculo ukuba ufuna ukudlala umculo. Kukhona ke ukuthotyelwa amaxabiso kwabo kuphela baphantsi kwephiko lwe Automobile Association kunye ne Naational Accommodation Association of South Africa,” utsho uBiermann.

UFraser ukwangusihlalo we Grahamstown Hospitality Guild kwaye ucacisa banzi ukuba izindlu ezigcina abahambeli kukhona nemirhumo yomabona kude ekufuneka ziwukhuphile. “kufuneka ndihlawule nomyinge we R145 kamabonakude ngamnye nexa iyinke ikwi R1118 kunye ne R14 yechannel nganye engabandakanywanga kwisixa sehotel kunye ken ale yesiqhelo imali yakwa SABC.”

Iintlawulo zeempepha mvume yinto nje xa uthetha ngenkcitha mali. “ukuba kusetyenziswa ugesi”, utsho uBiermann, itanki ngalinye le gas kufuneka ligcinwe likhuselwe ngaphandle kwemida yomzi lowo.”

Kufuneka ke usesosinxadanxada umana usiya kuvala ivalves eziphandle kunye nezo zingaphakathi. Enye ingxaki ke mnye kuphela umntu osemthethweni ovumeleke ukuba afake ugesi apha eRhini. “Nangona ukusebenzisa igesi kuxabisa kakhulu, uBiermann uthi kuyinkcitha mali efunekayo.

“Kubekho iingxaki ezininzi nokucima kombane kuleminyaka idluleyo , igesi ke iyimfuneko ukuze le mizi ykugcina abatyeleli ingaphulukani nengeniso kwimeko apho kuthe kwemka khona umbane”

Oku kunyuka kwentlawulo ke kuka 11.1% kuzofaka uxunezelelo kubanini mashishini nanjengokuba kufuneka bejongene namaxabiso axhomileyo kananjalo. Ngaphakathi kwezinye izinto ke kwimali ekufuneka beyikhuphile yimali yokuba xa umntu enokuthi aphelelwe ngumsebenzi okanye ishishini lakhe lonakalelwe.

Enye into eyinkxalabo kwabo bashishina ngalemizi nabo basacinga ukwenza njalo kukuba intlawulo yabasebenzi kufuneka inyuke ukusuka ngoJuly kulonyaka. Imizi emininzi ke kufuneka iqeshe abantu ukuze iinkonzo ezifana nokupheka nokucoca zingemi xa bona abanini mashishini bengakwazi kuzenzela oko.

Akukho lula ke kosomashishini boludidi ukwenza ingeniso babe bekhuphisana nabanye kwangaxesha nye. “Ufuna ukubanika okuninzi abo batyelela ishishini lakho kwaye kwelixesha likhoyo awukwazi kunyusa maxabiso kuba abantu abafuni kuhlawula kakhulu”. Ithi ke lonto amaxabiso athi ahlawulwe ngabasomashishini athande ukubakhama sithetha nje.

IRhini ke yindawo ebanzi kakhulu. UFrazer uthi ubani “kufuneka abize amaxabiso ngokwendawo leyo akuyo, amaxabiso aseKapa akanakuthelekiswa nawaseRhini.”

Comments are closed.