By Chris Totobela
Last weekend was a high scoring one for the Makana LFA teams. Golden Eagles thrashed debutants Black Stars by seven goals to three. On-form Lalibela Lions defeated African Spears by eleven unanswered goals. Young Stars edged Love and Peace by five goals to four, while Young Eagles put four past Newseekers. Joza Callies bounced back from the Joza derby defeat to beat the Eagles by six goals to nil. Stream A log leaders and on-form Makana Tigers beat Golden Brothers by six goals to two, while XI Attackers and Sophia Stars played out to a one-all draw. This coming weekend sees most of the teams playing their last game of the first round, and this will set the tone for a tough and closely contested second round.
Amasi abekwe elangeni kowamanqam phakathi kweMaru ne-Aces
Qhude manikiniki zindala zombini. Kuzoqhawuka unobathana kule Cawe siya kuyo nalapho Ooxholovane bebhola ekhatywayo yalapha eMakhanda abadlala kukhuphiswano oluxhaswa ngabakwaSAB bezokungquzulana kumdlalo wokugqibela wobuntshantsheli weMakana LFA Champ of Champs. Oompondo zihlanjiwe iMaru FC izokudibana neJacaranda Aces kulo umdlalo wama nqam. La maqela omabini eza kulo mdlalo ezithembile ngeyona ndlela emva kokuqhuba kakuhle kwiSAB nangona iMaru iwenganeno kwimizamo yayo yokuphumelela la ndebe yakwaSAB. IJacaranda Aces lelona qela liqhube kakuhle kakhulu emva kokugqiba kwindawo yesine kuSAB emva kokuba beqale ngendlela engancumisiyo. Lo umdlalo uthembisa ukuba ngovuthayo nanjengoko lamaqela edlala umdlalo omhle omabini kwaye ahlasela ngamandla. Abalandeli bazokuphuma ngobuninzi befuna ukuzibonela ngokwabo ukuba yeyiphi ezakuvuma ukugoba uphondo. Unobhala jikelele weMakana LFA nokwa jongene nokhuphiswano uAkhona Heshu, uthe olukhuphiswano luqhube kakuhle kakhulu ukuzothi ga ngoku kwaye baxolile yindlela oluqhube ngayo.
Ephendula kwizityholo zokungaqhubi kakuhle kooSompempe ngakumbi emva kwe sankxwe esenziwe emva komdlalo owandulela amanqam weSophia neJacaranda Aces. UHeshu uthe, “Ingxaki yooSompempe ikho kulo lonke eli, hayi apha eMakhanda qha kodwa ke bayazama kakhulu bona OoSompempe bethu. Amaqela amaninzi aye akhalaze xa ebethiwe kodwa xa ephumelele athi cwaka.” Iqela eliphumeleleyo kulo mdlalo lizaku goduka nama waka amabini namakhulu amahlanu onke eranti liphinde lifumane nezi xhobo zoku zilolonga.