NguBusuku Ntombekhaya
Bebephume ngobuninzi abahlali baseMakhanda ukuya kugqithisa izinyanzeliso zabo kwisebe lezemfundo besithi bayakunyhasha ukuxhatshazwa kwabantwana namanina.
Le nyambalala iyibeke yacaca into yokuba ingalo yomthetho mayenze ubulungisa kwityala lomntwana oneminyaka esixhenxe ubudala nowaziwa ngegama likaCwecwe, nengelolakhe lenyani.
Kutyholwa ngelithi inqununu yesikolo samabanga aphantsi nesizimeleyo iBergview College yahlukumeza ngokwezesondo intwazana eneminyaka esixhenxe ubudala kwinyanga yeDwarha kunyaka ophelileyo.
Ukanti kukwakho amarhe athi endaweni yokuba le ntwazana ifumane ubulungisa yaye yanikwa uphum’aphele yinqununu yesi sikolo, nto leyo eye yakhokelela ekubeni abahlali baseMakhanda bamanyane batsho ngazwi linye ukuba bafuna ukuba umthetho udlale indima yawo ekubanjweni komtyholwa kwaye anikwe isigwebo esiqatha.

Lo mgushuzo wabahlali baseMakhanda ulandela eminye emininzi kuMzantsi Afrika jikelele nebibanjwe kwidolophu eziliqela kwakule veki.
Phakathi kwalo mbho nomxesibe ubulibangise kwisebe lezemfundo apha eMakhanda, ibingunyawontle uArchbishop Nkosinathi Ngesi webandla i-Ethiopian Episcopal noyibeke kwacaca into yokokuba beleli bandla abahambisani kwaphela nesenzo esibi esenziwe yinqununu yase-Bergview College. “Ndingumzali wabantwana abangamantombazana, lilonke lo mkhuba umbi wokuhlukunyezwa ngokwezesondo kwabantwana uyandichaphazela kakhulu, yiyo lo nto ndiqonde ukuba mandishiye yonke into ndizokuxhasa lo mzabalazo. Futhi mna ngokunokwam ndifuna urhulumente abuyise isigwebo sentambo ukwenzela kuzokwehla izinga lokubulawa nokudlwengulwa kwabantwana namanina,” uphefumle watsho uNgesi.
Utyatyadule wathi ufuna urhulumente kwakunye nabasemagunyeni baguqule indlela umgaqo-siseko womZantsi Afrika osebenza ngayo kuba unyasha amalungelo amaxhoba lo gama enika oonqevu amalungelo angaphaya kwesicelo.
Kurhanelwa ukuba le ntwazana yadlwengulwa ngaphakathi kwamasango esikolo lo gama yayilinde isithuthi sayo.
UNolusindiso Baliti nobethethela umbutho ozimeleyo owaziwa ngokuba Sisikhalo, uphefumle wathi, “Izinto esifuna ukuba ziguquke singumbutho sifuna ukuba isebe lezemfundo limjongisise umntu phambi kokuba limqeshe, lijonge ukuba lo mntu akanawo na amatyala athe wabanjelwa wona ngaphambili, ukuqinisekisa ukhuseleko lwabantwana ngaphakathi ezikolweni, kwaye sifuna izikolo zibhalise iinkcukacha zabaqhubi bezithuthi zabantwana kumqulu wazo wesikolo ukulwa lo mkhuba umbi wokudlwengulwa kwabantwana ezikolweni.”
Usodolophu kamasipala iMakana, uYandiswa Vara, ibingomnye wabantu ebebeyokuhlaba ikhwelo kwisebe lezemfundo ukuba liqinise ukhuseleko lwabantwana ezikolweni. Uye wamemelela kubazali ukuba babathathele ingqalelo abantwana babo kwaye babamamele xa befika bebaxelela ukuba baye bahlukunyezwa.
“Silapha ukuzobonisa abazali bakaCwecwe ukuba singxwala nabo emswaneni, inxeba labo lelethu sonke. Ngoko ke sithi kwelisebe lezemfundo malibathathele ingqalelo abantwana kwaye benze nantoni na esemandleni ukukhusela abantwana kwikhaya labo lesibini elisisikolo. Kwaye sithi masichithwe esiya sikolo, inqununu kunye nonogada bavalelwe ngaphaya kwezintshixo,” uphemfule watsho uVara.
Usodolophu uxelele abezendaba ukuba ubothulela umnqwazi kwaye ebaqhwabela izandla bonke abantu abangotata abathe babayinxalenye yalo mgushuzo kuba eso senzo sibonakalisa ukuba hayi onke amadoda ‘azizinja’.
Ukwaphawule wathi umthetho woMzantsi Afrika uyawanyasha amalungelo abafazi kuba unikezela ngenkululeko kubaphuli-mthetho abafana noTimothy Omotoso endaweni yokukhusela amaxhoba obundlobongela obujoliswe kwisini.
Ezi zinyanzeliso zibhalwe phantsi ngabahlali baseMakhanda esingabalula kuzo ukutyalwa kwabaluleki bezengqondo ezikolweni ukuncedisa amaxhoba ajongane noluhlukunyezo.
Ziye zagqithiselwa kwisebe lezemfundo apho zithe zamkelwa ngezandla ezishushu ngumnumzana uMandisi Matyolo, noye waphefumla wathi njengesebe lezemfundo abahambisani kwaye bayakunyhasha ukuhlukunyezwa kwabantwana namanina.
UMatyolo uye wamemelela ukuba abahlali xa besiva ukuba kukho utitshala ophathaphatha abantwana ngokungekho mthethweni, bamveze elubala bona bazokumnqumamisa lo gama besenza uphando lwezityholo.
Uye wahlabela mgama ebulela uluntu lwaseMakhanda ngokuthatha amanyathelo ukulwa lo mkhuba umbi wokuhlukunyezwa kwamanina nabantwana, kwaye ebaqinisekisa ukuba beleli sebe bazakubaxhasa ngako konke abanako.
Le ndibano ibizinyaswe ngempumelelo yimibutho ezimeleyo elwa ukuhlukunyezwa kwamanina nabantwana esingabalula kuwo iMakana Rape Survivors Support Group. Ukanti yonke le mibutho ibivumelana kwaye isitsho ngazwi linye ukuba kwanele ngoku ngokubulawa nokudlwengulwa kwabantwana namanina, bekwakhankanya ukuba abazelanga kuzomela uCwecwe yedwa koko bazokumela wonke amaxhoba esisifo sibi sodlwengulo.
