Author: Ntombekhaya BUSUKU

NguNtombekhaya Busuku noAndisiwe Plaatjie  Abahlali baseMakhanda neentsapho zikaNtombizanele “Nopopi” Katiya othe wabulawa eMakhanda noMbalentle Goba oneminyaka emithathu nothe wadlwengulwa waze wabulawa eQhorha, bafuna umthetho udlale indima yawo babanjwe abenzi bubi futhi sijulwe kude isitixo. Bephume ngobuninzi babo abahlali, phakathi kwabo kukho iintsapho zamaxhoba, abefundisi kunye namatshantliziyo alwela amalungelo abantwana namanina, benze umngcelele oya kwii ofisi zikamaspala iMakana apha eMakhanda nalapho bagqithise khona izinyanzeliso zabo. Batsho ngazwi linye ukuba abahambisani kwaphela nokuxhatshazwa kwabantwana namanina. Lo mbho nomxesibe uyibeke yacaca into yokuba ufuna ingalo yomthetho ilithathele ingqalelo ityala lokubulawa kukaKatiya oneminyaka engamashumi amane ananye, nelentombazanana enguGoba. Kulo mgushuzo kuye kwakhankanywa ukuba abahlali…

Read More

NguNtombekhaya Busuku Iqumrhu elisakhasayo elaziwa ngokuba yiTshintsha beliphehlelela ngokusesikweni inkqubo yalo eyaziwa ngokuba yi-Poetic Tuesday ngolwimi lwasemzini kwithala leencwadi iDuna eJoza kule veki sikuyo. Ipoetic Tuesday akuyonto entsha kumhlaba waseJoza. Le nkqubo yayisungulwe kwiminyaka engamashumi amabini adlulayo. Kodwa njengayo yonke imibutho engekho phantsi kukarhulumente, lo mbutho waye wahlangabezana nemicelimngeni esingabalula kuyo ukuthwaxwa kanobomi ngubhubhane iCovid-19, nto leyo eyakhokelela ekubeni lo mbutho uvale iintlangano zawo zangolweezibini ukuhlonipha imiqathango yalo bhubhane, nto leyo eyenza ukuba lo mbutho ufe. “Le nkqubo yePoetic Tuesday akuyonto ifikayo, yayifudula ikhona kwiminyaka engamashumi amabini adlulayo, kodwa ke ngenxa yeemeko ezininzi kwaye kwanyanzeleka ukuba iyeke ukuqhuba. Enye yezimeko…

Read More

NguNtombekhaya Busuku Ngomhla weshumi elinanye kwinyanga kaTshazimpuzi i-Stitch Lab ibisingathe inkqubo yokubonisa iimveliso zabaqeqeshwa babo abazingcaphephe ekuthungeni. I-StitchLab – yiprojekthi yesibonelelo sehlabathi seRotary Club yaseGrahamstown Sunset, liphulo elijolise ekufundiseni izakhono zokuthunga kwabasetyhini ekuhlaleni, abaneminyaka elishumi elinesibhozo ukuya kwabaneminyaka engamashumi amathathu anesihlanu ubudala likwabafundisa nezakhono zoshishino. Eliphulo lisebenzisana ngokubambisana ne-Inkululeko, iGrahamstown Sunset Rotary Club ifumana imali yesibonelelo sehlabathi ngenkxaso evela kwiiRotary Clubs e-USA, kwaye yamisela iStitchLab isebenzisa iDakawa Art Centre. Iqela lokuqala loqeqesho ligqityiwe kwaye abaqeqeshi bebebonisa iimveliso zabo kunye nezakhono ezintsha kwiveki ephelileyo. Babenomdla wokuseka unxibelelwano nabathengi abanokubakho, abaqeshi okanye amanye amaqela anomdla. Amanina avela kwikhlabhu eyaziwa ngokuba yi-Creative woman…

Read More

NguBusuku Ntombekhaya  Bebephume ngobuninzi abahlali baseMakhanda ukuya kugqithisa izinyanzeliso zabo kwisebe lezemfundo besithi bayakunyhasha ukuxhatshazwa kwabantwana namanina. Le nyambalala iyibeke yacaca into yokuba ingalo yomthetho mayenze ubulungisa kwityala lomntwana oneminyaka esixhenxe ubudala nowaziwa ngegama likaCwecwe, nengelolakhe lenyani. Kutyholwa ngelithi inqununu yesikolo samabanga aphantsi nesizimeleyo iBergview College yahlukumeza ngokwezesondo intwazana eneminyaka esixhenxe ubudala kwinyanga yeDwarha kunyaka ophelileyo. Ukanti kukwakho amarhe athi endaweni yokuba le ntwazana ifumane ubulungisa yaye yanikwa uphum’aphele yinqununu yesi sikolo, nto leyo eye yakhokelela ekubeni abahlali baseMakhanda bamanyane batsho ngazwi linye ukuba bafuna ukuba umthetho udlale indima yawo ekubanjweni komtyholwa kwaye anikwe isigwebo esiqatha. Lo mgushuzo wabahlali baseMakhanda…

Read More

By Ntombekhaya Busuku and Gcina Ntsaluba Makana Local Municipality has lost another senior manager for infrastructure services, with the secondment of acting Director of Infrastructure, Makhaya Dungu’s term having come to an end. This was confirmed by the municipality this week: “Mr Dungu did not resign. He was seconded to Makana for a limited period, which eventually came to an end,” said Anele Mjekula, municipality communications manager. According to Democratic Alliance (DA) ward councillor Geoff Embling, Makana Municipality has had four directors or acting directors of infrastructure and three managers/acting managers of water. “This is worrying because it takes a…

Read More

Ngomhla wamashumi amabini anesixhenxe iRhodes Dyunivesithi ifezekise isithembiso saso sokuwonga ngokupheleleyo nangokusesikweni elinye lamatsha-ntliziyo umamu’ Ntsiki Biko ngokuzimisela kwakhe ekudlaleni indima yokwenza inguqu kubomi babantu abangathathi ntweni nababekelwe bucala.  NguBusuku Ntombekhaya  Noxa uMam’u Ntsiki Biko wayetshate nalowo ungasekhoyo nowayekwaba litsha-ntliziyo elaziwayo kwezo politiko utata Bantu Steven Biko, waye wazenzela naye elakhe igama kwinkundla zezopolitiko kuba efuna ukuba abantu bamazi ngenxaxheba athe wayidlala ekuguquleni ubomi babantu ingakumbi abo bangathathelwa nqalelo, hayi eyalowo wayesakuba ngumyeni wakhe uBantu Biko. “uMama kunye tata wam xa sasikhula basifundisa ukuba sikwazi ukuzimela kwaye singaxhomekeki kwabanye abantu, yiyo lo nto bendiloko ndisithi kwintetho yam noxa abantu bendibiza…

Read More

NguNtombekhaya Busuku Ngomhla we15 apha kweyoKwindla, umbutho owaziwa njengeRhodes University Health Suite ububambe umcimbi wezomthambo nalapho bekuqokelelwa khona imali eyakuthi ixhase umbutho owaziwa ngokuba yiSinik’ ithemba, kukwaviswa kamnandi nabahlali baseJoza. Isinik’ ithemba liqumrhu elathi lasungulwa ngonyaka ka2005 ngunyawontle uArchbishop Thabo Makgoba. Eli qumrhu lasekwa libandla iSt Augustine Anglican Church emva kokubona ifuthe elibi lentswela-ngqesho kubantu baseJoza. Eli qumrhu laqala kancinci liqala njengombutho owaziwa ngokuba likhitshi – soup kitchen ngabula makhumsha. UNzondie Myoli ophuma kweli bandla uphefumle wathi, “Ngenxa yoba abantu bengaphangeli ibandla lethu labona kufanelekile ukwenza ikhitshi elizakutyisa abantu, nabathi beza bekhatshwa ngabantwana babo, nangona ke yona yayenzelwe abantu abatya…

Read More

It’s Library Week next week! From 17 to 23 March, the spotlight is on the important role libraries play in our communities. In Makhanda, people are making a remarkable impact on the lives of young people by training them to love books and to share that love via our libraries. By Busuku Ntombekhaya  Duna Library is more than just a building full of books – this library is a centre of knowledge, learning, and community development. It provides access to information, educational support, and a safe space for intellectual growth where they can stay occupied with reading and playing chess, keeping…

Read More