Ngomhla wamashumi amabini anesixhenxe iRhodes Dyunivesithi ifezekise isithembiso saso sokuwonga ngokupheleleyo nangokusesikweni elinye lamatsha-ntliziyo umamu’ Ntsiki Biko ngokuzimisela kwakhe ekudlaleni indima yokwenza inguqu kubomi babantu abangathathi ntweni nababekelwe bucala. 

NguBusuku Ntombekhaya 

Noxa uMam’u Ntsiki Biko wayetshate nalowo ungasekhoyo nowayekwaba litsha-ntliziyo elaziwayo kwezo politiko utata Bantu Steven Biko, waye wazenzela naye elakhe igama kwinkundla zezopolitiko kuba efuna ukuba abantu bamazi ngenxaxheba athe wayidlala ekuguquleni ubomi babantu ingakumbi abo bangathathelwa nqalelo, hayi eyalowo wayesakuba ngumyeni wakhe uBantu Biko. “uMama kunye tata wam xa sasikhula basifundisa ukuba sikwazi ukuzimela kwaye singaxhomekeki kwabanye abantu, yiyo lo nto bendiloko ndisithi kwintetho yam noxa abantu bendibiza ngoba ndingumfazi ka-Steven Biko, ewe ndinguye kakade umfazi wakhe kodwa andimanga ngaye nam ndinelam ilifa okanye igama endathi ndazakhela lona,” ucacise watsho umam’uBiko. Uququmbele wathi uyabacebisa abantu basetyhini abatsha abatshatileyo okanye nabasezokutsha ukuba bangayenzi impazamo yokulahlekana nokuzazi kwabo kuba bethe batshala, uphefumle wathi “ewe utshatile nalomntu utshate naye kodwa ubuntu bakho ekuhlaleni akufunekanga buxhomekeke kumyeni wakho, zenzele obakho obuzimeleyo.”

Kwisizwe esimnyama kukho intetho ethi ‘umfazi uzalela omnye,’ umama uNtsiki ungumzekelo ophilayo wale ntetho, kuba ungumntu owathi wazinikela ekukhuliseni abantwana abanabazali abatsala nzima. “Thixo wandipha amandla wokuba ndikwazi ukuxhasa abantwana abaninzi abanabazali abangathathi ntweni apha ekuhlaleni,” uphefumle watsho, lo nto emenza ukuba aziwe njengomntu oyindlezana ngobubele. UNtsiki uye waxelela Oonondaba ukuba indima utata wakhe awathi wayidlala ekuphuculeni ikamva Labantwana abaninzi ewayebathatha emakhayeni abo abase esikolweni ngethuba eyinqununu yokuqala yesikolo samabanga aphantsi iRainy mission, yamenza ukuba afune ukulandela ekhondweni likayise naye ancede abantu aamgqongileyo, elophupha waqala ukulifezekisa ngokuthi enze izifundo zoba ngumongikazi kwaye anikele ngempilo yakhe ekujongeni impilo yoluntu.

Ngenxa yobudlelwane bakhe nalowo ungasekhoyo utata uBantu Steven Biko, umam’uNtsiki waye wadibana nemicelimngeni endleleni yakhe yokuzenzela igama neyathi yakhokelela ekubeni aphulukane nemisebenzi yakhe yokuba ngumongikazi rhoqo. “Emva kokuba ndathi ndalugqiba uqeqesho lwam lobongikazi zange bafune ukundinika umsebenzi osisigxina kwisibhedlela iKing Edward ngenxa yobudlelwane bam noBantu, kwakunzima ukufumana umsebenzi kwizibhedlela ezikufuthi ngenxa yongenelelo lwamapolisa. Kwathi ngelingeni ndawufumana umsebenzi kwisibhedlela i-St Matthews kodwa nalapho zange kuphele nexesha elingakanani ndiphangela khona ndaphelelwa ngumsebenzi ngenxa karhulumente wase Ciskei,” utshilo.

Emva kokuthatha isigqibo sokuba athathe umhlala-phantsi njengomongikazi emva kwengozi yemoto eyathi yamehlela kwakunye nokunikwa uphuma’phele kwisibhedlela iGrey, waye wathatha isigqibo sokuba azibandakanye nezopolitiko nalapho wathi wadlala inkxaxheba yokuzabalazela imfuno zoluntu elo kwakuliphupho lakhe nomyeni wakhe. Uphefumle wathi “ukulifezekisa eliphupha ndaye ndalilungu kwakunye nonobhala wequmrhu elaziwa ngokuba yi-Civic Association. Ndaphinda ndangunobhala we-star of hope, enye yekhlabhu zebhola yombhoxo ebalaseleyo apha eGinsberg.” Ukanti akaphelelanga ekubeni ngunobhala weliqela ukwanguye umxhasi walo, emva kokuswelekelwa ngumyeni wakhe, uNtsiki wazinika umsebenzi wokukhulisa abantwana bakhe nokuwokusebenzela uluntu. “emva kokusweleka komyeni wam, ndaye ndangumphathiswa we-Ginsberg Education Trust newathi wancedisa ekuyisunguleni neyathi emva kwethuba yakhula yayi Zingisa trust fund,” utyatyadule watsho. uhlabele mgama wathi enye yemisebenzi yakhe aziqhenya kakhulu ngayo kukwakhiwa ngempumelelo isakhiwo i-Steven Biko centre neyathi yavulwa ngokusesikweni ngonyaka ka-2012 kwinyanga ka-November, “ndiyazidla ngokuthi esi sakhiwo sibalulwa Phakathi kwezinye izakhiwo zoluhlu lwe-UNESCO’s heritage site.”

Lo msitho ubezinyaswe ngempumelelo zizihlobo zosapho lwakwa mama uNtsiki Biko esingabalula kuzo unyawontle Archbishop Ebenezer Ntlali, amalungu osapho lwakwa Biko kwakunye namalungu osapho lakokwabo kumzi wakwa Mashabela, amalungu equmrhu awayefudula engusihlalo kulo elaziwa ngokuba yi Sosebenza sonke Woman’s development, wonke lo mbho nomxebesi ubumanyeni apha kulo msitho ukuzokubhiyozela ukuwongwa kweli qhawekazi ngesidanga sobugqirha lwazi kwi-Law. Ebekazinyaziwe lo mnyadala ngabantwana bakhe esingabalula kubo uNkosinathi Biko nobesenza amazwi ombulelo wabantu bekhaya.

UNkosikazi Nontsikelelo Biko owongwe ngesidanga sembeko sobugqirha kwezomthetho yi Dyuniveithi yase Rhodes, erhangqwe lusapho lwakhe kumnyhadala wothweso zidanga zembeko nowokubhiyozela impumelelo yakhe. Photo: Chalotte Mokonyane

Unjingalwazi Sizwe Mabizela uwuchaze lo msitho njengomsitho wokuququmbela into eyayivelwe iqaliwe ngonyaka ka-2021, ecacisela abamajelo ezendaba ukuba into eyenza ukuba bazo kumnxibisa ngoku kungokuba zange bakwazi kula nyaka ka-2021 ngenxa yeCovid-19. “Sithathe isigqibo sokuzowenzela kwindawo yakhe lo msitho kuba sifuna abjiyoze kunye nabantu abancedile kwakunye nabantu abaliqonda ncakasana igalelo lakhe ekuhlaleni,” uphawule watsho. Unjingalwazi umchaze umama Untsiki njengomntu othandayo ukunceda uluntu nanjengomntu owathi wazinikezela ekuphakamiseni abantu ngaphandle kokufuna inzuzo nokuphakanyiswa. “ungumakhi woluntu omangalisayo kwaye onesidima nesithozela, sifuna ukumwongela ukuba uqhubekile wasebemzela uluntu ngokuzimisela, ngokulubeka phambili kwemfuno zakhe nangokuzithoba, nto leyo ulutsha olungayifunda kuye kwaye lunqwenele ukufana naye,” utshilo.

Owayesokuba ngumfundi kwisebe lezopolitiko kwidyunivesithi yaseRhodes kwaye nonomdla ekufundeni ngendima eyathi yadlalwa ngabantu ababhinqiniyo ngexesha localucalulo ingakumbi indima eyadlalwa nesadlalwa ngu mama uNtsiki Biko, uphefumle wathi “ukuba kukho incwadi ofuna ukuyifunda engekabhalwa yibhale.” Uxelele inginginya ibizimase lo msitho ukuba wazinika umsebenzi wokuveza nowokubhala ngendima eyathi yadlalwa ngabantu basetyhini ngexesha localucalulo ekungafane kubhalwe ngayo ebalula uNsiki Biko njengomnye walowo manina kwaye uyavuya ngokuba wathi wafumana ithuba lokuthetha naye kwaye ahlale naye phantsi. Uxelele uluntu wathi, “isizathu esisenze sadibana namhlanje kule ndawo ikwasisizathu esandenza ndathatha isigqibo sokubhala ngaye kwizifundo zam ze-masters.”

 

 

 

Comments are closed.