NguNtombekhaya Busuku
Ngomhla we15 apha kweyoKwindla, umbutho owaziwa njengeRhodes University Health Suite ububambe umcimbi wezomthambo nalapho bekuqokelelwa khona imali eyakuthi ixhase umbutho owaziwa ngokuba yiSinik’ ithemba, kukwaviswa kamnandi nabahlali baseJoza.
Isinik’ ithemba liqumrhu elathi lasungulwa ngonyaka ka2005 ngunyawontle uArchbishop Thabo Makgoba. Eli qumrhu lasekwa libandla iSt Augustine Anglican Church emva kokubona ifuthe elibi lentswela-ngqesho kubantu baseJoza. Eli qumrhu laqala kancinci liqala njengombutho owaziwa ngokuba likhitshi – soup kitchen ngabula makhumsha.
UNzondie Myoli ophuma kweli bandla uphefumle wathi, “Ngenxa yoba abantu bengaphangeli ibandla lethu labona kufanelekile ukwenza ikhitshi elizakutyisa abantu, nabathi beza bekhatshwa ngabantwana babo, nangona ke yona yayenzelwe abantu abatya iipilisi zentsholongwane yesifo ugawulayo.”

UMyoli utyatyadule: “Kwathi ekuhambeni kwexesha iSinik’ithemba yayeka ukuba yeyabantu abakhulu, yayiyo neyabantwana abangenabazali kunye nabantwana abangathathi ntweni, kwaye yaye yatshintsha ekubeni likhitshi ngokuthi iSt Augustine ivule iminyango yayo ibelikhaya labantu abasokolayo,” utshilo uMyoli.
UMyoli uqhubile waxoxela iGrocott’s Mail ngeenzingo eli phulo elithe lajamelana nazo ngexesha leCovid-19. “Le projekthi yayincediswa ngokwezezimali ngumSamariya othile waseNgilani owathi wayixhasa ixesha elide, de kwabe kuba lixesha leCovid, nto leyo eyenza silahlekane nabaxhasi bale projekthi. Phambi kokuba sintlithwe yiCovid-19 la mashumi mabini anesithathu abantwana babesitya yonke imihla, kodwa ngenxa yeemeko zemali, ngoku batya kanye ngeveki,”
Isithethi seSinik’ ithemba siphemfumle sathi imali ezakuthi yenziwe yiRhodes University Health Suite izakubanceda kakhulu ekwandiseni iintsuku zokutyisa aba bantwana, kwaye izakuncedisa ekubathengeleni nezihlangu zesikolo.
Isithethi ebesithethela icandelo iAerobics Group Fitness leRhodes University Health Suite, uAzole Sindelo, uthe into ebenze babenombono wokwenza iAerobics Charity Marathon kukuba baqaphele ukuba ngabantu basekuhlaleni eMakhanda ababaxhasileyo ekubeni kude kube leli xesha iingcango zabo zibe zisavulile. Futhi, ngaba bahlali ababonisa intshisakalo nolangazelelo lweenkqubo ezikumila kunje, utshilo uSindelo. “Ngoko ke sithathe isigqibo sokwenza le nkqubo njengendlela yokunikezela nokubulela inkxaso esiyifumanayo ekuhlaleni, kwaye siyathembisa ukuba yonke imali esithe sayenza izakuya kwiqumrhu le-Sinik’ ithemba.”
Emva kokuba ethe weva ngalo msebenzi umhle kangaka nowenziwa yiSinik’ ithemba ukuzama ukuguqula ubomi babantu abangathathi ntweni baseJoza, umsebenzi wedyunivesithi iRhodes ococayo, nokwalilo nelungu lecawa iSt Augustine, ugqibe kwelokuba afake isandla kweli phulo ngokuthi aqhube lo mnyhadala womthambo ukuze kufumaneke imali neyakunceda ukuqhuba iqumrhu lisenza umsebenzi kaNkulu-nkulu. “Ngokusebenzisana nomama lo wenza umsebenzi wokucoca eRhodes, sigqibe kwelokuba senze lo mnyhadala ukuze siqwebe imali ukwenzela ukuba abantwana bangalali izisu zithe nca emqolo.”
Iinzame zeqela lezomthambo ledyunivesithi iFort Hare, neliphethwe nguZiniko Dumaphi, lokusabela ikhwelo leRhodes Health Suite lokuba incediswe ekwenzeni umsitho walo ube yimpumelelo, zibonise ngokucacileyo ukuba ikhona inyani kwintetho yamaAmafrika ethi ‘umntwana ukhuliswa yilali’.
“Silapha ukuzokunwenwisa uthando, sisazi ukuba uThixo akazange asibeke endaweni eyodwa, ngoko ke kubalulekile ukuba sincedane singabantu, siphakamisane. Size apha sifuna ukufaka isandla kulo msebenzi mhle kangaka sowenziwe,” utshilo uLunga Nobetsiki, umqeqeshi wezomthambo eFort Hare.
Enye into ethe yancumisa kukubona abafundi besikolo iDiocesan School for Girls (DSG) bekhona kulo mcimbi, nto leyo ebonise ukuba inkqubo le ibibandakanya uwonke-wonke, ingagxilanga kwabo baquqa ejimini. Aba bafundi bebekhatshwa ngootitshala babo, futhi bekhangeleka bekonwabele ukuba yinxalenye yalo msitho kangangendlela bebezilolonga ngayo bengadinwa.


