NguChris Totobela

Iqela lebhola ekhatywayo lamagqiyazana, ekuphela kwalo apha eMakhanda, libila lisoma limaxhaphetshu lilungiselela itumente yamanina ezakubanjwa ngosuku lokubhiyozela ulutsha (27 kuTshazimpuzi). Eli qela, iAfrican Connection WFC, nelalifudula lingudlezinye kule ngingqi yeSarah Baartman, lakhiwa okutsha ngabadlali abaselula kakhulu kwaye lincediswa liziko lokulolonga abadlali elikwizinga eliphezulu kule ngingqi. Oyena mdlali omdala kweli qela uneminyaka elishumi elinesixhenxe kuphela, kwaye oko kubonakalisa ikamva eliqaqambileyo leli qela.

UOwam Dyonashe, ongomnye wabadlali abaphambili kweli qela, uncome indima sele yenziwe leli ziko. “Iqela lethu linabadlali abancinci kakhulu kwaye sonke sizimisele ukuthatha eli qela silibeke phezulu logama nathi sizenzela igama.”

“Okwangoku eyona njongo iphambili yethu kukuba sifunde ukudlala ibhola ngendlela eyiyo, iziphumo azibalulekanga okwangoku. Iziko esihamba kulo kabini ngeveki, labadlali abakwizinga eliphezulu, ziyabonakala iziphumo zalo nanjengoko ukuqala kwethu ukudlala besisoyika xa sidibene namantombazana angooxholovane, kuba bebesityhiliza basisuse lula ebholeni. Kodwa ngoku bafika inyanga ifile xa sihlangene nabo.”

Eli qela lithe chu lizama ukubuyela endaweni yalo njengelinye lamaqela anobuzaza nabukhali, hayi nje kwingingqi yeSarah Baartman kuphela, kodwa nakwiphondo jikelele.

Comments are closed.