NguChris Totobela

Iya isongana ibhobhile kwimidlalo yeMakana LFA yesigaba soompondo zihlanjiwe. Onke amaqela abhinqele phezulu ngoku, amanye ezama ukubaleka izembe, logama amanye ejonge intshinga ngamehlo abomvu.

Iqhubile njengesiqhelo kwakhona imidlalo kule mpelaveki sisuka kuyo kwaye abalandeli baphume ngobunizi baligcwalisa lema ngeembambo ibala lezemidlalo iJD Dlepu.

NgoMgqibelo iHellenic ibhaxabule iSeven Stars ngamanqaku amahlanu kwelinye, yaze yona iMaru Academy yabambana ngenqaku elinye macala ne-African Spears logama iXI Attackers ibethe iGolden Eagles ngamanqaku amathathu eqandeni.

NgeCawe ibingumgidi kaSaneti ngethuba iRhodes University itywatyusha ngamanqaku alishumi elinesibini eqandeni iJuventus, nalapho umdlalo uye waphela phakathi emva kokuba Amataliyane edikwe yeyokosa.

Komnye umdlalo obugcwele amathuba okufaka amanqaku iMakana Tigers ibethe iLalibela Lions ngenqaku elinye eqandeni, logama iGolden Brothers ibhungce ngenqaku elinye eqandeni kwiLove and Peace.

Kumdlalo obujongwe ngamehlo abomvu ngabathandi bebhola ekhatywayo baseMakhanda noye waqala emva kwexesha belibekiwe, iSophia Stars ibethe iJoza Callies ngamanqaku amabini kwelinye. Lo umdlalo ubuvutha bhe kwaye ube nayo nengxwabangxwaba.

Usompempe nabancedisi bakhe ababuyanga kwisiqingatha sesibini ukuzokugqibezela umdlalo. Baqokelele iitasana zabo bajongisa imibombo ngasesangweni lokuphuma logama amaqela omabini engxangile ebaleni elinde ukuqala kwisiqingatha sesibini somdlalo.

Emva kokungabikho kwentshukumo kwabo basemagunyeni kuye kwaphakama umlandeli obezitshize kanobomu ngomdiliya omfaxangiweyo wacenga amadoda athile ukuba aqhube umdlalo.

Emva kwethutyana aye abonakala amagosa amabini eMakana LFA azibophelela ngokuzama usompempe nabancedisi bakhe abazoqhuba nomdlalo. Wonke lo umbhodamo ungqine oko bekuhlele kuthethwa ngabathandi nabalandeli bebhola ngokuhexa nokuba buthathaka kwecandelo loosompempe kwiMakana LFA.

Unobhala jikelele weMakana LFA uAkhona Heshu, uvumile ukuba ngenene ikhona ingxaki kweli candelo kwaye bazozama ukuwunika ingqalelo lo mcimbi. Eli lixesha elinzima lokusongwa kwemidlalo nalapho onke amaqela ajonge entanjeni, kwaye kuzakufuneka amadoda awuchanayo umcimbi azokuphatha le midlalo yokugqibezela, nanjengoko amabhetyebhetye engazokulunga ngoku.

Comments are closed.