NguChris Totobela

Abuyele ebaleni amaqela oompondo zihlanjiwe kwiMakana LFA emva kwethuba elide esekhefini. La amaqela agqibela ukudlala phambi kwexesha lika xakeka neziyunguma zokuphela konyaka. Ngokutsho kuka nobhala weMakana LFA uAkhona Heshu, imidlalo yangoMgqibelo ayikwazanga ukuqhubekeka emva kokungafumaneki kweepali kwelinye icala, nto leyo ebangele ukuba irhoxiswe imidlalo.

NgeCawe oomakadenetha bengena bhatyi iJoza Callies iqale apho ibishiye khona yabhaxabula iGolden Brothers ngamanqaku amane kwelinye logama iMakana Tigers ingombe iLove and Peace ngamanqaku amathathu kwelinye. ISophia Young Stars iquthise iJuventus ngamanqaku amathandathu eqandeni yaze yona iRhodes University yabambana ngenqaku elinye macala neLalibela Lions.

ISophia Young Stars isathe ngcu encochoyini ikhokela ngamanqaku alishumi elinesithandathu emva kwemidlalo esixhenxe, ize yona iJoza Callies ibekwindawo yesibini ngamanqaku alishumi elinesine emva kwemidlalo esixhenxe, kuze emva kwabo ibe yiMakana Tigers.

Comments are closed.