NguChris Totobela
Iqela lebhola yomnyazi laseTransit Camp iMakhanda Angels liqhube kakuhle kakhulu kwimidlalo yalo kule mpela veki sisuka kuyo. Eli qela belifudula liziingqongqo zamanye amaqela, kodwa mvanje lithande ukubhaxabula kwanto ephambi kwalo.
Ibala livulwe ngaboo baminyaka engaphantsi kweshumi elinanye nalapho iiAngels zikhale ngaphantsi ngenqaku, ngethuba bebethwa yiMisoyethu ngamanqaku amane kwamathathu (4-3).
Kulandele abo bangaphantsi kweminyaka elishumi elinambini nalapho iMakhanda Angels ibethe iKhayelitsha ngamanqaku alishumi elinesithathu kwamathathu (13-3), yaphinda yabhaxabula kabuhlungu iLeister City ngamanqaku alishumi elinesithoba kwamathandathu kuphela (19-6).
Kumdlalo wabo bangaphantsi kweshumi elinesithathu iMakhanda Angels ibethe iKhayelitsha Stars ngamanqaku alishumi elinesithandathu kwelinye (16-1), yaphinda yabhaxabula kabuhlungu iLeister City ngamanqaku alishumi elinesihlanu kwamane (15-4).
Kwisigaba sabo baminyaka engaphantsi kweshumi elinesithandathu iAngels ibethe ngoku ngenalusini iKhayelitsha Stars ngamanqaku alishumi elinesixhenxe kwamahlanu (17-5), yaze yanyuka umnqantsa kumdlalo wayo wokugqibela wosuku ngethuba iqubisene ne Leister City nalapho ibhungce ngamanqaku alishumi elinesibhozo kulawo alishumi elinesihlanu e City (18-15).
Omnye wabaqeqeshi beli qela, uTandiswa Kamana, akawuvali umlomo yindlela ezi ntwazana eziqhube ngayo. “Siziva sichulumancile kukubona inkqubela phambili nendlela abadlali bethu abazimisele ngayo. Namhlanje basibonisile ukuba bayamamela xa kuthethwa nabo,” utshilo uKamana.
Uphinde wahlaba ikhwelo koosomashishini base Makhanda neziphaluka. “Abantwana bethu bazimisele kakhulu kwaye bayayithanda le nto bayenzayo nanjengoko ibasindisa kwizinto ezininzi ezifana noxhaphazo lotywala neziyobisi, sicela kwabo banawo amandla ukuba basincedise ngezixhobo nempahla yokudlala,” uqhube watsho uKamana.