NguChris Totobela

Bachulumancile abalandeli bebhola ekhatywayo kweli loMzantsi Afrika emva kokuba iqela lesizwe iBafana Bafana iqhube kakuhle kakhulu kwi tumente yamazwe ase- Afrika. Emva kokuphoxeka kumdlalo owandulela owama gqibela kankqoyi ngethuba bekhala ngaphantsi kumdlalo wabo neNigeria babuyise isidima sabo babetha iDR Congo kwiipenaliti. Ngokwenza njalo baphele begqiba kule tumente kwindawo yesithathu.

IBafana Bafana izuze imbasa yebronze, baphinda bafumana indebe bewongwa njengelona qela likwazileyo ukuziphatha kakuhle kule tumente. UNozinti uRonwyn Williams uwongwe njengo yena nozinti oye wabalesela kule tumente. Kukho nabadlali abaye babandakanywa kwiqela labadlali ababalaseleyo balapha e-Afrika. URonwyn Williams, Khuliso Mudau noTebogo Mokoena ngabo abamele uMzantsi Afrika kweli qela. Umqeqeshi uHugo Broos uthi akayi ndawo usezohlala aqhubekeke neli qela nanjengoko exolile yindlela eli qela eliqhube ngayo kule tumente. Kumdlalo wamanqamu Oosotheko, iIvory Coast, babuye sele besilela ngenqaku ngemva babetha iNigeria ngamanqaku amabini kwelinye.

Comments are closed.