NguChris Totobela
Yalala inkomo isengwa, atshabalala amathemba abalandeli nabathandi bebhola balapha eMzantsi Afrika ngethuba iqela lesizwe iBafana Bafana libethwa yiNigeria. Lo bingu mdlalo owandulela owama nqam bubanjelwe kwibala iStade de la Paix eBouake kwelase Ivory Coast.
Abafana Bafana badlale kakuhle kakhulu bezijula ijacu bezimisele. INigeria ikhokele ngenqaku elinye eqandeni lika kapteni wabo u-Ekong emva kokuba befumene ipenaliti ebangelwe ngumdlalo orhabaxa kaMthobi Mvala kuVictor Osimen. IBafana Bafana ifumene inqaku loku linganisa emva kokuba uPercy Tau edlalwe rhabaxa phakathi ebhokisini waze yena uTebogo Mokoena wayivalela phakathi lo bhola.
Uye waphela lo mdlalo ebambene ngenqaku elinye macala kwaye abakwazanga ufumana amanqaku nakwixesha elongezelelweyo ntoleyo ebangele ukuba kukhatywe iipenliti ukuzama ukufumana elona qela lizophumelela. Evidence Mokgopa noTebogo Mokoena baye bagqubha ezabo iipenaliti ntoleyo ebangele ukuba iphumele iNigeria ngamanqaku amane kwamabini. Ngokwenza njalo iNigeria izibekele indawo kumdlalo wamagqibelo kaNkqoyi noosotheko i-Ivory Coast kumdlalo ozoba nzima ngeyona ndlela kwibala iStade Olympique Alassane Ouattara e-Abidjan.
ABafana Bafana bona bazokudlalela indawo yesithathu neqela laseDRC ngoMgqibelo kwibala iFelix Houphoust-Bolgny e-Abidjan nalapho kulindeleke ukuba umqeqeshi uHugo Broos anike ithuba lokudlala abanye abadlali abangekafumani thuba lokudlala kule tumente.