NguChris Totobela

Iqela lesizwe le bhola ekhatywayo eMzantsi Afrika elaziwa jikelele ibafana Bafan,a lidlulele kumaqela asibhozo okugqibela kwitumente yamazwe ase-Afrika ebanjelwe kwelase Ivory Coast.

Oku kwenzeka emva kokuba eli qela libethe iqela ebelijongwe njenge linye lamaqela azintandane nalindelwe ukuba aphakamise le ndebe yamazwe ase-Afrika iMorocco kwibala lebhola ekhatywayo iStade Laurent Pokou eSan Pedro kwelase Ivory Coast.

Ifolosi ye-Orlando Pirates u-Evidence Mokgopa uze nenqaku lokuqala emva kwebhola entle ebisuka kuThemba “Mshishi” Zwane logama yena uTebogo Mokoena weSundowns ebethelele isikhonkwane sokugqibela ngenqaku elihle kakhulu babe kanti ngokwenza njalo badudulela ngaphandle iMorocco eyajika kumaqela amane okugqibela kwindebe yehlabathi ebibanjelwe eQatar.

IBafana Bafana baze kulo mdlalo emva kokuqala kakubi kule tumente emva kokubethwa kumdlalo wabo wokuqala liqela lase Mali, babuya babetha iNamibia ngamanqaku amane eqandeni phambi kokuba badlale ngoku linganayo neqela laseTunisia ngeqanda macala. Badlale ngokuzimisela kakhulu iBafana Bafana kwaye nomdlali ebengu ndabamlonyeni kubalandeli beli lizwe.

UPercy Tau nobetyholwa ngokungafuni ukwabelana nabanye abadlali ngebhola kumaxesha amaninzi udlale kakuhle kakhulu kulo mdlalo. IBafana Bafana bazakuqhubisana neqela laseCape Verde ngoMgqibelo kumdlalo wokuzibekela indawo kumaqela amane okugqibela kule tumente yamazwe ase-Afrika kwaye kulindeleke ukuba baphumelele kulo mdlalo nangona ibhola ayilawuleki iqengqelekela nakweliphina icala.

Comments are closed.