NguChris Totobela

ILuyanda Stwayi Foundation ibambe imidlalo yamakhwenkwana angaphantsi kweminyaka elishumi elinesithathu. Le tumente ibibanjelwe eQhorha nalapho bekubhiyozelwa khona umhla wokufundisa nokuphuhlisa ulwazi lwabantu ngentsholongwane kagawulayo kwihlabathi jikelele. Aphume ngobuninzi amaqela abo baselula ukuzothatha inxaxheba kule tumente nebibanjwe ngomhla wokuqala kule imiyo.

Umququzeleli wale tumente, uLuyanda Sitwayi, uxolile yindlela eqhutywe ngayo. USitwayi uthe, “Yonke into ihambe kakuhle kakhulu kwaye nabantu baphume ngobuninzi ukuzoxhasa lamakhwenkwana. Ndibulela kubo bonke abo bathe bathatha inxaxheba kule midlalo, nakubo bonke abathe babinza ngezinto ezahlukeneyo. Onke lamaqela ebedlala apha afumene iimpahla ezintsha zokudlala.”

Iqela eliphume indawo yesithathu ibe yiCity Lads FC, yaze indawo yesibini yafunyanwa yiAmanzi FC, logama indebe namabhaso endawo yokuqala eye kwiFriendly City FC ewongwe njengeentshatsheli zale tumente.

Unconyiwe kakhulu lo kaSitwayi ngomsebenzi omhle awenzayo kula ndawo yaseQhorha kwaye uluvo luthi ufanelwe kukothulelwa umnqwazi ngendima ayidlalayo ekuphuhliseni italente yolutsha nasekukhwebuleni ulutsha kwiziyobisi ezitshabalalisa ikamva lwabaninzi.

Comments are closed.