NguChris Totobela
Bekuqhawuka unobathana kule mpelaveki sisuka kuyo, nalapho amaqela adlala kwisigaba soompondo zihlanjiwe kwiMakana LFA ebegqibezela imidlalo yabo kulo nyaka phambi kokuba kuyiwe ekhefini.
Bekuthande ukuba nzima kumanye amaqela nanjengoko bekungelula ukufumana abadlali bawo ngenxa yexesha elixakekileyo lolwaluko neziyunguma zokuphela konyaka. NgoMgqibelo iAfrican Spears ibhaxabule iSeven Stars ngamanqaku amahlanu kwamabini logama yona iGolden Brothers yothuse umzi ngethuba izixhwithela kwi Makana Tigers ngamanqaku amane kwamabini.
NgeCawe, iSeven Stars ibuyise izitya ngethuba ibetha iMaru Academy ngamanqaku amabini kwelinye, logama yona iLalibela Lions yothule iJoza Callies encochoyini ngamanqaku amabini kwelinye, yaze yona iSophia Stars yakhwela izehlela kwiLove and Peace ngamanqaku asibhozo kwelinye kumdlalo obukekelele calanye.
Sisavakala isimbonono sabaqeqeshi bamaqela sokudlaliswa ngeli xesha likaxakeka.
Umqeqeshi weJoza Callies ebikhokela ukususela ukuqala kwemidlalo, uLouis Ntlanjeni, uthi iqela lakhe liqale ngokuzimisela kakhulu. “Abadlali bethu baye bazibophelela ngokwabo bengakhange banyanzelwe ukuba kulo unyaka bafuna ukuphumelela icandelo labo ukuze bayokuhlangana nabaphumelele kwelinye icandelo. Emva koko nantonina ingenzeka.”
UNtlanjeni uphinde wakhalazela into yokudlaliswa kweqela lakhe ngexesha elinzima lokuphela konyaka. “Abadlali bethu baselula kakhulu kwaye basesesikolweni, bebebhala iimviwo zokuphela konyaka bedlala ngaxesha nye, kwaye ngoku baxakekile lulwaluko, akukho lula ubafumana.”
Umqeqeshi we-Attackers, uThanduxolo Faxi, oneqela elichophe encochoyini kwicandelo layo, uthethe wenjenje, “Kulo unyaka sizama ukulungisa iimpazamo zonyaka ophelileyo nalapho abadlali bethu bebezithembe ngokugqithisileyo, kwaye nabalawuli bethu bengquzulana. Zonke ezo zinto zilungisiwe, yiyo lo nto sidlala kakuhle kangaka.”
Naye uvakalise ukungaxoli yimeko yokudlaliswa ngexesha likaxakeka. “Le yokudlaliswa kwamaqela ethu ngeli xesha ayamkelekanga tu kwaphela, kwaye abalawuli bebhola yethu bayayazi lo nto, ntonje balawula ngegqudu. Kodwa siyathemba ukuba le yingxaki abazakuyinika ingqwalasela kulo nyaka uzayo. Nangexesha lethu sisadlala ibhola, zange kwadlalwa ngexesha lolwaluko, intsha le into.”