NguChris Totobela

Imozulu embi enemvula ekhatshwa yinkwankca eqhaqhathekisa amazinyo, ibangele ukuba kungabi lula ukuqala kwe midlalo yoompondo zihlanjiwe kwi Makana LFA nanjengoko eminye imidlalo ithe yarhoxiswa kwiveki ephelileyo.

NgomMgqibelo i6Sai ibhaxabule kabuhlungu iMaru Academy ngamanqaku amathandathu kwa mabini (6-2), logama yona iJoza callies ibethe iRhodes ngamathandathu kwa mane (6-4). IMakana Tigers ibethe iJuventus ngamanqaku amane kwelinye (4-1), yaze yona iSophia Stars yatywatyusha iGolden Brothers ngamanqaku alishumi kwamathathu (10-3) logama iLalibela Lions ne Love and Peace zibambene nge mbande yesikhova macala (0-0). Nge Cawe iSeven Stars ibethe iYoung Stars ngamathathu kwamabini (3-2) logama yona iAttackers ibhaxabule iAfrican Spears kwi dabi elitsha laseJoza ngamanqaku asibhozo kwamabini (8-2), yaze yona iMaru Academy yazixhwithela iGolden Eagles ngamathandathu kwa mathathu (6-3). I6Sai iqukumbele impela veki yayo ebintle kakhulu ngokutywatyusha iHellenic ngamathandathu eqandeni (6-0). Nangona kuse kutsha kakhulu kodwa ingathi sele ebonakala amaqela azimiseleyo.

Komnye umdlalo obuvutha ngeyona ndlela iMaru ibuye sele isilela nge nqaku ngasemva yabetha iMighty Forest ngamanqaku amabini kwelinye (2-1) kumdlalo wabo we ngingqi ye Sarah Baartman wokhuphiswano oluxhaswa ngabakwa Hollywood Bets.

Comments are closed.