NguChris Totobela

Isango kwibala lebhola ekhatywayo iJD Dlepu lityhuthulwe zizgilamkhuba. Oku kwenzeka emva kokuba eli bala laye lavalwa kunyaka ophelileyo emva komonakalo owenzeka kulo ngexesha kwakubanjwe umnyhadala womculo owawu bandakanya oomakhwekhwetha bomculo balapha eMzantsi Afrika.

Umonakalo owenzeka kwelibala emva kwemvula eyana ngamandla ngemini yomnyhadala washiya eli bala lingxwelerhekile kakhulu ntoleyo eyakhokelela ekuvalweni kwalo.

Ekuqaleni kwale veki kuye kwaqapheleka ukutyhuthulwa kwelinye lamasango okungena kweli bala. Bekukhala ibhungane kweli bala ngethuba abakwa Grocott’s Mail beyokuzibonela lo monakalo.

Eli bala lilo kuphela eRhini neline mbali etyebileyo yokusingatha imidlalo emikhulu. Esi siganeko, siyinkxalabo yomntu wonke, ingakumbi abathandi bebhola ekhatywayo.

Ibala iJD Dlepu lityhuthulwe ngamasela. Umfanekiso: Chris Totobela

Comments are closed.